bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Deuteronomy 13
Deuteronomy 13
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 14 →
1
“Ukuba kuvela umshumayeli okanye umlawuli-maphupha phakathi kwenu, evakalisa ummangaliso okanye umqondiso oza kubakho,
2
ize ke kwenzeke ngokwaloo mmangaliso okanye loo mqondiso, aze athi: ‘Masilandele *thixo bambi’ – thixo abo eningazange nibazi – aqhubele phambili athi: ‘Masibanqule,’
3
ze ningawathatheli ngqalelo amazwi aloo mshumayeli okanye loo mphuphi. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanivavanya, khon' ukuze aqonde ukuba nimthanda ngengondo iphela nangomoya uphela na.
4
NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye.
5
Nabani na ongumshumayeli okanye umphuphi oniqhubela ekuvukeleni uNdikhoyo uThixo wenu mbulaleni. Kaloku uNdikhoyo lo ngulo wanikhupha eJiputa apho naningamakhoboka khona. Umntu onjalo uzama ukunilukuhla, khon' ukuze niphulukane nehambo eniyalelwe yona nguNdikhoyo uThixo wenu. Ubugwenxa mabususwe mpela phakathi kwenu.
6
“Nkqu nomntakwenu, noba ngunyana okanye intombi, mhlawumbi umfazi wakho omthandayo, noba sisihlobo sakho esisenyongweni, singakulukuhla sikukhuthaze ngasese ngelithi: ‘Masiye kunqula thixo bambi’ – thixo abo ongabaziyo nabangazange banqulwe nangooyihlo-mkhulu,
7
oothixo bezizwe eziningqongileyo okanye abo bezizwe ezisekudeni.
8
Kambe ke ungaze umqhelisele nakancinci; ungamphulaphuli. Ungaze ube nalusini nanceba kuye; ungaze umqume.
9
Mbulale nya; mayibe nguwe kanye ophambili, baze ke nabanye bakulandele.
10
Ewe, mgibisele ngamatye umbulale, kuba ebezama ukukuqweqwedisa, khon' ukuze umlahle uNdikhoyo uThixo wakho owakukhulula ulikhoboka eJiputa.
11
Aya kuthi ke akuyiva loo nto, atsho onke amaSirayeli oyike, kungaze kubekho mntu phakathi kwenu ulenzayo isikizi elinjalo.
12
“Xa senihlala kwezo zixeko aniphe zona uNdikhoyo uThixo wenu, kungenzeka nive
13
ukuba kukho zinkewu zilulahlekisileyo uhlanga apho esixekweni, zisithi: ‘Masiye kunqula abanye oothixo’ – thixo abo eningabaziyo.
14
Nakuba niluvile ke umingi-mingi olunjalo, luphandeni ngokucokisekileyo; nithi ke ukuba luyinyani, kwaye kucace mhlophe ukuba ngenene likho isikizi elinjalo elenzekileyo,
15
ze nibabulale bonke abemi beso sixeko ndawonye nemfuyo yabo. Ewe, vuthululani konke kutshabalale.
16
Ziqokeleleni zonke izinto ezizezâbo bantu, nizifumbe ebaleni lembutho. Watshiseni onke loo maxhoba ndawonye nesixeko eso, nenzele uNdikhoyo uThixo wenu umnikelo otshiswayo. Mayisale ilinxuwa nanini nanini, ingaze iphinde yakhiwe.
17
Ningabokuzishiyela nento le kwebezimiselwe ukutshatyalaliswa. Ukuba niyenzile ke loo nto uNdikhoyo uya kwetha emsindweni wakhe, abe novelwano ngani. Ngenene wosikwa yinceba, anandise ngokwesithembiso sesifungo sakhe kooyihlo-mkhulu
18
xa nithe nayithobela imiyalelo yakhe endinimisele yona namhlanje, nakwenza konke akufunayo uNdikhoyo uThixo wenu.”
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34