bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Deuteronomy 6
Deuteronomy 6
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 7 →
1
“Nanku ke umyalelo, imigaqo, nemimiselo endithunywe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba ndinifundise yona. Ngoko ke ze niyithobele nakufika kwelo lizwe niya kulo.
2
Ngalo lonke ithuba lobomi bakho, wena nezizukulwana zakho, kufuneka nimhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, uyithobele imithetho nemiyalelo yakhe endikunike yona, khon' ukuze ube nokuxhamla ubomi obude.
3
Hoyina, maSirayeli! Yiphulaphuleni niyithobele le miyalelo! Xa niyenzile ke loo nto nolungelwa nande kakhulu kwelo lizwe lendyebo eliphuphuma ubisi nobusi, elo nilinikwa ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wooyihlo.
4
“Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba!
5
Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke.
6
Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho.
7
Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.
8
Uze uyiqhinele ibe ngumqondiso esandleni sakho, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ihlale isisikhumbuzo.
9
Uze uyikrole emigubasini, ngokunjalo nasemasangweni akho.”
10
“Ngokwesifungo sakhe kookhokho benu, uAbraham, uIsake, noYakobi, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuninika ilizwe elizixeko zihle zikhulu, nangona phofu ungazakhanga ngokwakho.
11
Izindlu zakhona ziphuphuma ubuyoko-yoko ongabulalekanga ngabo. Uya kufumana amaqula aselembiwe, ngokunjalo nezidiliya nezinquma esezityaliwe. Xa sowusitya uhlutha
12
uze ulumke hleze umlibale uNdikhoyo owakukhulula ulikhoboka kwelaseJiputa.
13
“Uze umhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, ukhonze yena yedwa, izifungo zakho uzenze ngegama lakhe.
14
Ungaze ulandele *thixo wumbi, nditsho nowezo zizwe zikuphahlileyo,
15
hleze umsindo kaNdikhoyo uvuthe, anitshabalalise ningabikho kulo mhlaba. Kaloku uNdikhoyo uThixo wakho ohlala phakathi kwenu nguThixo onekhwele.
16
“UNdikhoyo uThixo wenu ze ningamlingi njengoko nênzayo eMasa.
17
Iziyalo nezicwangciso ngokunjalo nemimiselo eniyinikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ze niyithobele ngenyameko.
18
Kuphela ze nenze ezo zinto athi uNdikhoyo zintle zilungile, khon' ukuze nilungelwe. Xa nisenjenjalo ke noba nako ukulizuza elo lizwe lihle kunene lathenjiswa nguNdikhoyo kookhokho benu ngesifungo.
19
Noba nako ukuzigxotha iintshaba zenu ngokwelizwi lakhe.
20
“Kaloku kumaxesha ezayo unyana wakho uya kukubuza athi: ‘Kwakutheni ukuze uNdikhoyo uThixo wethu akunike ezi zicwangciso nale mimiselo, nale migaqo nje?’ Ke wena uze umxelele uthi:
21
‘Kaloku sasingamakhoboka ekumkani yaseJiputa, waza ke uNdikhoyo wasikhulula ngamandla akhe amakhulu.
22
Ewe, sayibona ngamehlo imiqondiso nemimangaliso erhwaqelisayo awayenzayo uNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nakukumkani nendlu yakhe.
23
Wasikhulula kwelaseJiputa, ukuze asibeke apha kweli lizwe awayebathembise ngalo oobawo-mkhulu ngesifungo.
24
Ngokwenjenjalo ke uNdikhoyo uThixo wethu wasiyalela ukuba siyithobele le mimiselo simhlonele, size ke silungelwe bonke ubomi bethu, siphile njengokuba kunjalo namhlanje.
25
Xa sithe sayithobela yonke imiyalelo, siya kumkholisa uNdikhoyo uThixo wethu.’ ”
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34