bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Deuteronomy 21
Deuteronomy 21
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 22 →
1
“Xa sewukwelo lizwe uza kuliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, waza wafumana umntu enzakaliswe wafa engaphandle komzi, ube wena ungazi ukuba ubulewe ngubani na,
2
kufuneka amadoda amakhulu nabagwebi baye kuloo ndawo afele kuyo, bafike balinganise umgama ukusuka kuloo ndawo ukuya kwiidolophu ezikufutshane.
3
Ke wona amadoda amakhulu aloo dolophu iyeyona ikufuphi kuloo mntu kofuneka akhethe ithokazi lenkomo elingazange lisebenze.
4
Aya kulithatha ke, aye nalo ngasentlanjeni engatshiyo, apho kungazange kwalinywa, afike alaphule ilungu lentamo.
5
Ababingeleli bakwaLevi kofuneka babekho nabo apho, kuba ngabo abanyulwe nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba baqwalasele imicimbi yonqulo, baze bathamsanqele egameni likaNdikhoyo, bade baphicothe bagwebe kwimibandela yeembambano nobugwinta.
6
Onke ke amadoda amakhulu aloo dolophu ikufuphi kufuneka ahlambe izandla phezu kwelo thokazi laphulwe ilungu lentamo,
7
athi: ‘Akagetyengwanga sithi lo mntu, futhi asimazi nomntu oyenzileyo le ntlekele.
8
Awu, Ndikhoyo, nceda, waxolele amaSirayeli owawahlangula eJiputa. Lala ngenxeba usixolele, ungalibeki phezu kwethu eli tyala legazi elimsulwa.’
9
Xa wenze ngokwalo mmiselo kaNdikhoyo ke, uya kuba uzihlambile kwityala lobugebenga.”
10
“Xa uNdikhoyo ekunike uloyiso emfazweni, waza wanabantu obathimbayo,
11
kungenzeka apho kwâbo bantu wena ubone inzwakazi, uze unqwenele ukuyithatha. Yithathe,
12
uyise emzini wakho, ifike igugule intloko, inqumle iinzipho,
13
ikhulule izambatho efike nazo. Emva koko ke mayihlale apho, izilele ikhaya layo ngokunjalo nabazali bayo isithuba esingangenyanga, wandule ke ukuyithatha ibe ngumkakho.
14
Kamva ke, xa ungasayifuni, yikhulule ihambe iye apho ithande khona. Kaloku uyenze umkakho; ngoko ke akunalungelo lakuyithengisa ibe likhoboka.”
15
“Ukuba indoda inabafazi ababini, omnye imthanda kunomnye, baza ke bobabini bazala oonyana, kwaza kwathi kanti lo ulizibulo akanguye owomfazi oyintandane,
16
ngoku ke xa le ndoda ifuna ukubabela ilifa layo, mayingabi nagobe ngokubhekiselele kulo nyana womfazi oyintandane, imnike inxaxheba yonyana wamazibulo.
17
Unyana wamazibulo makanikwe ilifa eliphindwe kabini, nokuba akazalwa ngumfazi oyintandane. Kaloku nguye oluphawu lwamandla kayise. Ilungelo lenkulu lelakhe.”
18
“Xa indoda inonyana onenkani, oyinjubaqa, ongevayo naxa selelulekwa ngabazali bakhe,
19
kufuneka abazali abo bamthathe bamse enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo.
20
Baya kuthetha benjenje: ‘Lo nyana wethu unenkani, uyinjubaqa; akasiphulaphuli. Ulidla-kudla, futhi ulinxila.’
21
Amadoda edolophu leyo makamxulube ngamatye ade afe, khon' ukuze buncothulwe ububi phakathi kwenu. Aya kuthi ke amaSirayeli akuyiva le nto ihlileyo atsho oyike.”
22
“Xa indoda ithe inetyala yagwetyelwa ukufa, yaza ke yabulawa yaxhonywa emthini,
23
makungade kuse isaxhonyiwe. Mayithulwe ingcwatywe kwangaloo mini; kaloku umntu oxhonywe emthini uqalekisiwe nguThixo. Ngoko ke mawungcwatywe umzimba, khon' ukuze *ungagqwaliseki umhlaba owuphiwe *nguNdikhoyo uThixo wakho.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34