bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Deuteronomy 34
Deuteronomy 34
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
1
Ke kaloku uMosis wesuka kuloo mathafa aseMowabhi, wenyuka intaba iNebho, waya kutsho kuloo ncopho kuthiwa yiPisga imalunga neJeriko. Wathi elapho ke *uNdikhoyo wambonisa lonke elo lizwe: ummandla waseGiliyadi ukunyuka ukuya kutsho kwaDan;
2
nawo wonke umhlaba wakwaNafetali; imimandla yakwaEfrayim nakwaManase, nowakwaJuda ukuya kuthi xhaxhe ngolwandle;
3
ngokunjalo namazantsi akwaJuda; neso sithabazi samathafa ukusuka eZoware ukuya kuma ngeJeriko isixeko samasundu.
4
UNdikhoyo wathi kuMosis: “Nanko ke umhlaba endathembisa ngawo ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi ndakuze ndiwunike abazukulwana babo. Ndifuna uwubone nje, kuba wena ngokwakho awuzukuya kungena kuwo.”
5
Ngenene ke uMosis isicaka sikaNdikhoyo wafela apho kumhlaba waseMowabhi ngokomlomo kaNdikhoyo.
6
UNdikhoyo wamngcwaba apho kwiintili zaseMowabhi malunga nedolophu iBhete-pehore. Kambe ke akukho bani uyazi ncam indawo elikuyo ingcwaba lakhe unanamhla.
7
Ukufa kwakhe uMosis wayenekhulu elinamashumi amabini eminyaka, kodwa esomelele, engabikwa hlaba, namehlo akhe engekabi nalo norhatyazo.
8
AmaSirayeli amzilela iintsuku ezimashumi mathathu apho kuloo mathafa aseMowabhi. Zaba ke zifezekile iintsuku zokuzila.
9
UYoshuwa unyana kaNune wazaliswa bubulumko nokuqonda, kuba kaloku uMosis wambeka izandla emngenisa ezihlangwini zakhe. NamaSirayeli ke amthobela uYoshuwa, enza ngokwemiyalelo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo.
10
KwaSirayeli ke akuphindanga kuvele *mshumayeli unjengoMosis, owazana noNdikhoyo ubuso ngobuso.
11
Akukho mshumayeli wumbi wakha wenza imiqondiso nemimangaliso enjengaleyo uMosis wayethunywa nguNdikhoyo ukuba ayenze kwelaseJiputa kukumkani wakhona namaphakathi akhe,
12
kungekho namshumayeli wakha wabonakalisa imisebenzi yamandla ngendlela erhwaqelisa njengaleyo wasebenza ngayo uMosis phakathi kwamaSirayeli jikelele.
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34