bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Deuteronomy 20
Deuteronomy 20
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 21 →
1
“Xa uthe waphuma usiya kulwa notshaba, waza wabona ukuba lona luneenqwelo namahashe, nomkhosi walo ungaphezulu kowakho, sukoyika. *UNdikhoyo uThixo wakho owakukhupha eJiputa uya kuba nawe.
2
Phambi kokuba uhlasele makuze umbingeleli, afike athi apho emkhosini:
3
‘Hoyina, maSirayeli! Namhla ilizwe lifile! Kambe ke sanukuba nantaka, ningabi nadyudyu! Musan' ukuphaphazela!
4
Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uya kuba nani; nguye oza kunilwela anithwes' uloyiso.’
5
“Ke zona iinduna ziya kubhekisa emkhosini zithi: ‘Ngaba kukho ndoda na apha kuni esandula ukwakha indlu, kodwa ingekayivuli? Xa kunjalo ke lowo makabuy' umva agoduke. Kungenjalo, xa athe akabuya emfazweni, loo ndlu yakhe iya kuvulwa mntu wumbi.
6
Ngaba kukho indoda esandula ukutyala isidiliya, kodwa ingekavuni kuso? Xa kunjalo ke leyo mayibuy' umva; kungenjalo, xa ithe ayabuya emfazweni, loo wayini yayo iya kuxhanyulwa mntu wumbi.
7
Ngaba kukho indoda elobolayo na apha phakathi kwenu? Xa ikho mayibuye umva; hleze ithi xa kwenzekile ayabuya emfazweni, lowo owayeza kuba ngumkayo atshatwe yindoda yimbi.’
8
“Kwakhona iinduna ziya kubuzisa zithi: ‘Ngaba kukho indoda enentliziyo kanina na apha? Xa kunjalo ke mayibuy' umva, hleze isulele namanye.’
9
Ziya kuthi ke zakukhov' ukwenjenjalo iinduna ezo, ibutho ngalinye limiselwe izinxiba-mxhaka zalo.
10
“Xa uya kuhlasela isixeko, abemi baso qala ubaphe ithuba lokuzinikezela.
11
Xa bathe bavula amasango bezinikezela, bonke baya kuba zizicaka zakho bakusebenzele.
12
Kambe ke xa abemi abo bengafuni kunikezela, bekhetha ukulwa, umkhosi wakho mawusingqinge eso sixeko.
13
Akuba ekuvulele ke uNdikhoyo uThixo wakho ukuba uhlasele, tshabalalisa yonke into eyindoda apho.
14
Kambe ke ungabathimba abafazi, nabantwana, nemfuyo, nako konke okulapho kweso sixeko. Ungayisebenzisa yonke into elixhoba oyithimbe kolo tshaba lwakho; uNdikhoyo uThixo wakho ukuphile.
15
Uya kwenjenjalo ke xa usilwa nezixeko ezikude, nditsho ezingezizo ezeentlanga eziningqongileyo.
16
“Kodwa ke xa uhlasela isixeko esikwakwelo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho, uzubulale konke nje.
17
Vuthulula utshabalalise wonke umntu: amaHiti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi, ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wakho.
18
Batshabalaliseni khon' ukuze banganiwexuleli ekumoneni uNdikhoyo uThixo wenu, banifundise ezaa ndlela zabo zimasikizi bazinqula ngazo *izithixo zabo.
19
“Xa uhlasela isixeko, sukuyigawula imithi yaso yeziqhamo, noba ungade usingqinge ixesha elide kangakanani na. Ungazitya iziqhamo ezo, kodwa ke ungayitshabalalisi yona imithi. Kungani uhlasele imithi ingelotshaba lwakho nje!
20
Ke yona eminye imithi ungayigawula uyisebenzise ekwaphulen' iimpondo eso sixeko ulwa naso.”
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34