bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Deuteronomy 18
Deuteronomy 18
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 19 →
1
“Indlu kaLevi yona ngababingeleli; ayiyi kuzuza sabelo nalifa njengamanye amaSirayeli, ndaweni yaloo nto ilifa layo ngamadini atshiswayo anikelwa *kuNdikhoyo.
2
AbaLevi abazukunikwa sabelo njengezinye izindlu; kaloku esabo isabelo nelifa bubudlelwane noNdikhoyo ngokwesithembiso sakhe.
3
“Nanini na kusenziwa idini ngenkomo noba yigusha, ababingeleli inxaxheba yabo ngumkhono, intloko, nolusu.
4
Ulibo lwengqolowa, nolwewayini, nolwamafutha omnquma, noloboya, yoba yinxaxheba yabo.
5
KumaSirayeli ephela uNdikhoyo uThixo wakho wanyula uLevi nendlu yakhe ukuba abuse kwezobubingeleli nanini nanini.
6
“Nawuphi na umLevi, noba uhlala phi na apho kwaSirayeli, ukuba uyafuna, angaya kulaa ndawo yalathwe nguNdikhoyo,
7
abuse uNdikhoyo uThixo wakhe njengabo bonke abaLevi abasebenza khona.
8
Naye ke makafumane inxaxheba ekwangangaleyo izuzwa ngabanye ababingeleli, nangona anenzuzo ayifumene ngokuthengiswa kwempahla yakowabo.”
9
“Wakufika ke kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uze ungawalinganisi amasiko amanyumnyezi alandelwa zizizwe zakhona.
10
Ungaze uthathe unyana wakho okanye intombi yakho wenze ngaye idini elitshiswayo; abantu bakuni mabangaze bavumise, okanye bambulule, mhlawumbi bachile,
11
okanye bakhafule, bangayisebenzisi nemilingo, okanye baqhakamshelane nabangasekhoyo.
12
Kaloku abantu abenza iintlondi ezinje banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho. Ziintlondi ezilolu hlobo ezabangela ukuba azigxothe iintlanga zelaa lizwe ekungeneni kwenu.
13
Hlala umsulwa phambi koNdikhoyo uThixo wakho.”
14
“Kwelo lizwe uya kulo abantu obagxotha khona bayavumisa bambulule, kodwa ke wena *uNdikhoyo uThixo wakho akafuni uyenze loo nto.
15
Ndaweni yaloo nto uNdikhoyo uThixo wakho uya kuvelisa *umshumayeli ofana nam lo, ophuma kwakumawenu. Uzuncede ke umthobele.
16
“Kaloku mhla nanihlangene kwintaba iHorebhe nandibongoza nisithi: ‘Asisakulangazeleli ukuba uNdikhoyo uThixo wethu athethe nathi yena siqu, asisathandi ukubona umlilo odiza ubukho bakhe, kuba soyika ukuthi mhlawumbi sife.’
17
Waza wathi kum uNdikhoyo: ‘Sihle isicelo sabo.
18
Ndiya kubanika umshumayeli ophuma kwakubo, afane nawe lo. Ke yena amazwi am aya kuphuma ngomlomo wakhe, aze abaxelele yonke imimiselo yam.
19
Uya kuthetha egameni lam; ke mna ndiya kumohlwaya nabani na ongawathobeliyo amazwi am.
20
Ke yena umshumayeli ongomnye, ozigwagwisa ngokuthi uthetha egameni lam ndingamthumanga, wobulawa. Koba kwangokunjalo nakoshumayela egameni *loothixo abangabambi.’
21
“Mhlawumbi ningaxakwa, nithi: ‘Soluqonda njani na udaba ukuba alululo olukaNdikhoyo?’
22
Ukuba umshumayeli uthetha egameni likaNdikhoyo ize ingenzeki loo nto ayithethileyo, nomqonda ukuba udaba lwakhe aluphumi kuNdikhoyo, koko uyazithethela nje; ngoko ke sanukuziduba ngaye.”
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34