bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Chronicles 10
1 Chronicles 10
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 11 →
1
Ke kaloku amaFilisti alwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa engxwelerhiwe ezintabeni zaseGilibhowa.
2
AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe.AmaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.
3
Yanzima imfazwe kuSawule. Bamfumana abatoli, wathuthumela ngenxa yabatoli.
4
Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze beze aba bangalukileyo, bafekethe ngam. Akavuma umphathi weentonga zakhe, ngokuba ubesoyika kakhulu. Walithabatha uSawule ikrele, waziwisa phezu kwalo.
5
Uthe umphathi weentonga zakhe, akubona ukuba ufile uSawule, waziwisa naye phezu kwekrele lakhe, wafa.
6
Wafa ke uSawule, noonyana bakhe abathathu, nendlu yakhe yonke; bafa kunye.
7
Athi onke amadoda akwaSirayeli abesentilini leyo, akubona ukuba kusatyiwe, ukuba ufile uSawule noonyana bakhe, ayilahla imizi yawo, asaba; eza ke amaFilisti, ahlala kuyo.
8
Kwathi ngengomso, amaFilisti eza kubhunyula ababuleweyo, amfumana uSawule noonyana bakhe bewile ezintabeni zaseGilibhowa.
9
Ambhunyula, ayisusa intloko yakhe neentonga zakhe, athumela ezweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba aluxele olu daba lumnandi kwizithixo zabo nasebantwini.
10
Azibeka iintonga zakhe endlwini yezithixo zawo, ukakayi lwakhe alubethelela endlwini kaDagon.
11
Beva bonke abaseYabheshe yaseGiliyadi konke awakwenzayo amaFilisti kuSawule,
12
esuka onke amadoda anobukroti, asithwala isidumbu sikaSawule nezidumbu zoonyana bakhe, azizisa eYabheshe.Awangcwaba amathambo abo phantsi komterebhinti eYabheshe, azila ukudla imihla yasixhenxe.
13
Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye,
14
akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29