bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Chronicles 26
1 Chronicles 26
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 27 →
1
Ke amaqela abamasango: kumaKora yayinguMeshelemiya unyana kaKore, kubo oonyana baka-Asafu.
2
KuMeshelemiya, oonyana yayingooZekariya owamazibulo, noYedihayeli owesibini, noZebhadiya owesithathu, noYateniyeli owesine,
3
noElam owesihlanu, noYohanan owesithandathu, noEliyohenayi owesixhenxe.
4
KuObhedi-edom, oonyana yayinguShemaya owamazibulo, noYozabhadi owesibini, noYowa owesithathu, noSakare owesine, noNataniyeli owesihlanu,
5
noAmiyeli owesithandathu, noIsakare owesixhenxe, noPehuletayi owesibhozo; ngokuba uThixo ebemsikelele uObhedi-edom.
6
Ke nakuShemaya, unyana wakhe, kwazalwa oonyana abalawula indlu kayise; ngokuba babengamagorha anobukroti.
7
Oonyana bakaShemaya ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabazalwana bakhe, amadoda anobukroti, uElihu noSemakiya.
8
Bonke abo bakoonyana bakaObhedi-edom, bona noonyana babo, nabazalwana babo, amadoda avileyo, enamandla enkonzweni, bebengamashumi amathandathu anababini kuObhedi-edom.
9
UMeshelemiya ube enoonyana nabazalwana, amadoda anobukroti, ilishumi elinesibhozo.
10
KwanoHosa, wakoonyana bakaMerari, ubenoonyana: inguShimri inkulu (ngokuba waye engengowamazibulo, noko ke uyise wamenza inkulu),
11
noHilekiya owesibini, noTebhaliya owesithathu, noZekariya owesine; bebonke oonyana nabazalwana kuHosa baba lishumi elinabathathu.
12
Loo maqela abamasango, iinkulu zamagorha, zaphathiswa izigxina kunye nabazalwana babo, ukuba balungiselele endlwini kaYehova.
13
Bawisa amaqashiso, ngomncinane nangomkhulu ngokufanayo, ngokwezindlu zooyise, isango ngesango.
14
Iqashiso elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Ke uZekariya unyana wakhe, umphakathi oqiqileyo, bamwisela amaqashiso, laphuma iqashiso lakhe lilelangasentla;
15
elikaObhedi-edom laba lelangasezantsi; eloonyana bakhe laba lelovimba.
16
ElooShupim noHosa laba lelangasentshonalanga, kunye nesango leShalekete emendweni onyukayo, umlindo umalunga nomlindo.
17
Ngasempumalanga babebathandathu abaLevi; ngasentla bebane imihla ngemihla; ngasezantsi bebane imihla ngemihla; kovimba baba ngababini ngababini.
18
Emaphandleni ngasentshonalanga babane emendweni, bababini ngaphandle.
19
Ngawo lawo amaqela abamasango, koonyana bamaKora, nakoonyana bakaMerari.
20
Ke abaLevi, abazalwana babo, baphatha ubuncwane bendlu kaThixo, nobuncwane bezinto ezingcwele.
21
Oonyana bakaLadan, bengoonyana bamaGershon alunge kuLadan, iintloko zezindlu zooyise zakwaLadan umGershon: nguYehiyeli.
22
Koonyana bakaYehiyeli, nguZetam noYoweli umninawa wakhe abaphethe ubuncwane bendlu kaYehova.
23
Kuma-Amram, kumaItsare, kumaHebron, kumaUziyeli:
24
uShebhuweli, unyana kaGershom unyana kaMoses, ebeyinganga yobuncwane.
25
Abazalwana bakhe bakwaEliyezere nguRehabhiya unyana wakhe, noYeshaya, unyana wakhe, noYoram unyana wakhe, noZikri unyana wakhe, noShelomoti unyana wakhe.
26
Lo Shelomoti nabazalwana bakhe baphathiswa bonke ubuncwane bezinto ezingcwele, abezingcwalisile uDavide ukumkani, neentloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomkhosi.
27
Okwemfazwe nokwamaxhoba, kwangcwaliselwa ukuba kulungise indlu kaThixo.
28
Zonke izinto abezingcwalisile uSamuweli imboni, noSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noYowabhi unyana kaTseruya, zonke izinto abezingcwalisile nabani, zaba phantsi kwesandla sikaShelomoti nabazalwana bakhe.
29
KumaItsare, uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi wangaphandle kwaSirayeli, wababhali nabagwebi.
30
KumaHebron, uHashabhiya nabazalwana bakhe, amakroti aliwaka elinamakhulu asixhenxe, babephethe umsebenzi wokuvelela amaSirayeli anganeno kweYordan ngasentshonalanga, emsebenzini wonke kaYehova, nasenkonzweni yokumkani.
31
KumaHebron uYeriya ebeyintloko (kumaHebron ngokweenzalo zawo ngokooyise. Ngomnyaka wamashumi omane wobukumkani bukaDavide, kwafunwa, kwafunyanwa kuwo amagorha anabukorti eYazere yaseGiliyadi).
32
Nabazalwana bakhe, amakroti angamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, ooyise bezindlu, uDavide ukumkani wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ezintweni zonke zikaThixo, nasezintweni zokumkani.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29