bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Chronicles 27
1 Chronicles 27
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 28 →
1
Oonyana bakaSirayeli ngokwenani labo, iintloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nababhali babo, ababelungiselela kukumkani emicimbini yonke yamaqela ngamaqela:angenayo naphumayo iinyanga ngeenyanga, ezinyangeni zonke zomnyaka, liqela linye, lalingamashumi amabini anamane amawaka.
2
Iqela lokuqala ngenyanga yokuqala laliphethwe nguYashobheham unyana kaZabhediyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka;
3
koonyana bakaPeretse, ibinguye oyintloko yabathetheli bonke bemikhosi ngenyanga yokuqala.
4
Iqela lenyanga yesibini laliphethwe nguDodayi umAhowa, inganga yeqela lakhe inguMikeloti; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
5
Umthetheli wesithathu womkhosi ngenyanga yesithathu ibinguBhenaya, unyana kaYoyada umbingeleli, eyintloko; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
6
Ngulo Bhenaya waye eligorha kumashumi amathathu, ephethe amashumi omathathu lawo; eqeleni lakhe inguAmizabhadi unyana wakhe.
7
Owesine ngenyanga yesine ibinguAsaheli umninawa kaYowabhi, inguZebhadiya unyana wakhe emva kwakhe; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
8
Owesihlanu umthetheli ngenyanga yesihlanu ibinguShamuti umIzra; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
9
Owesithandathu ngenyanga yesithandathu ibinguIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
10
Owesixhenxe ngenyanga yesixhenxe ibinguHeletse umPelon, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
11
Owesibhozo ngenyanga yesibhozo ibinguSibhekayi umHusha, wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
12
Owesithoba ngenyanga yesithoba ibinguAbhiyezere waseAnatoti, wakumaBhenjamin; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
13
Oweshumi ngenyanga yeshumi ibinguMaharayi umNetofa wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
14
Oweshumi elinamnye ngenyanga yeshumi elinanye ibinguBhenaya umPiraton, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
15
Oweshumi elinesibini ngenyanga yeshumi elinesibini ibinguHeledayi umNetofa, kaOteniyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
16
Ke izizwe zakwaSirayeli zaphathwa ngaba: kumaRubhen inganga ibinguEliyezere unyana kaZikri; kumaSimon nguShefatiya unyana kaMahaka;
17
kubaLevi nguHashabhiya unyana kaKemuweli; kwa-Aron nguTsadoki;
18
kwesakwaYuda nguElihu, wakubazalwana bakaDavide;kwesakwaIsakare nguOmri unyana kaMikayeli;
19
kwesakwaZebhulon nguIshemaya unyana kaObhadiya;kwesakwaNafetali nguYerimoti unyana ka-Azeriyeli;
20
koonyana bakaEfrayim nguHosheya unyana ka-Azaziya;kwisiqingatha sesizwe sikaManase nguYoweli unyana kaPedaya;
21
kwisiqingatha sikaManase eGiliyadi nguIdo unyana kaZekariya; kwesakwaBhenjamin nguYahasiyeli unyana ka-Abhinere;
22
kwesakwaDan nguAzareli unyana kaYeroham. Ngabo abathetheli bezizwe zakwaSirayeli.
23
UDavide akalithabathanga inani labaminyaka imashumi mabini bezelwe, nabangaphantsi; ngokuba uYehova wathi uya kuwandisa amaSirayeli njengeenkwenkwezi zezulu.
24
UYowabhi unyana kaTseruya walinga ukubala, akagqiba;afikelwa buburhalarhume amaSirayeli ngenxa yoko; alangeniswa inani engxelweni yemicimbi yemihla yokumkani uDavide.
25
Obephethe ubuncwane bokumkani nguAzemavete unyana ka-Adiyeli; obephethe ubuncwane obukoovimba endle, nasemizini, nasemizaneni, nasezinqa beni ezinde, nguYonatan unyana kaUziya.
26
Obephethe abenza umsebenzi wokulima amasimi nguEzeri unyana kaKelubhi.
27
Obephethe izidiliya nguShimehi umRama. Obephethe izisele zewayini yasezidiliyeni nguZabhedi umShifemoti.
28
Obephethe iminquma nemithombe ebisezintilini nguBhahali-hanan, umGedere. Obephethe izisele zeoli nguYowashe.
29
Obephethe iinkomo ezidla eSharon nguShitrayi umSharon.Obephethe iinkomo ezisezintilini nguShafati unyana ka-Adelayi.
30
Obephethe iinkamela nguObhili umIshmayeli. Obephethe iimazi zamaesile nguYedeya umMeronoti.
31
Obephethe impahla emfutshane nguYazizi umHagri. Bonke abo bebengabaphathi beempahla ezizezokumkani uDavide.
32
UYonatan, uyisekazi kaDavide, ube ngumphakathi, eyindoda enokuqonda, engumbhali yena. UYehiyeli unyana kaHakemon ubenoonyana bokumkani.
33
UAhitofele ubengumphakathi wokumkani. UHushayi umArki ubelikholwane lokumkani.
34
Emveni koAhitofele ibinguYehoyada unyana kaBhenaya, noAbhiyatare. Umthetheli-mkhosi wokumkani ibinguYowabhi.
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29