bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Chronicles 28
1 Chronicles 28
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 29 →
1
UDavide wababizela ndawonye bonke abathetheli bamaSirayeli, abathetheli bezizwe nabathetheli bamaqela ngamaqela abalungiselela ukumkani nabathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu, namagosa empahla yonke, nabemfuyo yokumkani neyoonyana bakhe, kunye nababusi namagorha, nento yonke eligorha elinobukroti, ukuba beze eYerusalem.
2
Wesuka wema ngeenyawo uDavide ukumkani, wathi:Ndiphulaphuleni, bazalwana bam, bantu bam. Mna, kwaye kusentliziyweni yam ukuyakhela indlu yokuhlala ityeya yomnqophiso kaYehova, isihlalo seenyawo zikaThixo wethu, ndalungisela ukwakha;
3
koko uThixo wathi kum, Uze ungalakheli ndlu igama lam, ngokuba uyindoda yemfazwe, uphalaze igazi elininzi.
4
Ke wandinyula uYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini yonke kabawo, ukuba ndibe ngukumkani kumaSirayeli ngonaphakade;ngokuba unyule uYuda ukuba abe yinganga, endlwini kaYuda unyule indlu kabawo, koonyana bakabawo ukholwe ndim, ukuba andenze ukumkani kumaSirayeli onke.
5
Nakoonyana bam bonke (ngokuba undinike oonyana abaninzi uYehova), unyule uSolomon unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova kumaSirayeli.
6
Wathi kum, USolomon, unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise kuye mna;
7
ndibuzinzise ubukumkani bakhe kude kuse ephakadeni, ukuba uthe waqinisela ukuyenza imithetho yam namasiko am, njengoko kunjalo namhla.
8
Ngoko ke ndiyaniyala emehlweni amaSirayeli onke, ibandla likaYehova, nasezindlebeni zoThixo wethu: gcinani niquqele kuyo yonke imithetho kaYehova uThixo wenu, ukuze nilime eli lizwe lihle, nilishiye libe lilifa koonyana benu emva kwenu, kude kuse ephakadeni.
9
Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo;ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela.
10
Uze ulumke ke; ngokuba uYehova ukunyule ukuba wakhe indlu ibe yeyengcwele. Yomelela uyenze.
11
UDavide wamnika uSolomon unyana wakhe isilinganiso sevaranda, nesezindlu zayo, nesoovimba bayo, nesamagumbi ayo aphezulu, nesamagumbi ayo aphakathi, nesendlu yokucamagusha;
12
nesilinganiso seento zonke abenazo engcingeni yakhe:eseentendelezo zendlu kaYehova, nesamagumbi onke ngeenxa zonke, nesamagumbi obuncwane bendlu kaThixo, awobuncwane bezinto ezingcwele;
13
nesamaqela ababingeleli nabaLevi, nesomsebenzi wonke wenkonzo yendlu kaYehova, neseempahla zonke zenkonzo yendlu kaYehova;
14
nesezinto zegolide, ngokobunzima begolide yeempahla zonke zeenkonzo ngeenkonzo; neseempahla zonke zesilivere, ngokobunzima beempahla zonke zeenkonzo ngeenkonzo;
15
nobunzima beziphatho zezibane zegolide, nobezibane zazo zegolide, ngokobunzima besiphatho ngesiphatho, nobezibane zazo;nobeziphatho zesilivere ngokobunzima besiphatho, nobezibane zazo, ngokwenkonzo yesiphatho ngesiphatho sezibane;
16
negolide ngokobunzima beetafile zokucwangcisa izonka, betafile ngetafile, nesilivere yeetafile zesilivere.
17
Wamnika nesilinganiso seefolokhwe, nesezitya zokutshiza, neseendebe zegolide ecocekileyo; neseendebe zegolide, ngokobunzima bendebe ngendebe neseendebe zesilivere ngokobunzima bendebe ngendebe;
18
nesesibingelelo sesiqhumiselo segolide ehluziweyo, ngokobunzima; nesilinganiso senqwelo, seekerubhi zegolide, ezolula amaphiko azo, zisithelisa ityeya yomnqophiso kaYehova.
19
Yonke loo nto, watsho uDavide, yonke imisebenzi yokulinganisa undiqondisile ngokubhala okuvela esandleni sikaYehova, seza phezu kwam.
20
Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela ukhaliphe, wenze. Musa ukoyika, musa ukuqhiphuka umbilini; ngokuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya, ude uwugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.
21
Nanga ke amaqela ababingeleli, nawabaLevi bomsebenzi wonke wendlu kaThixo. Banawe kuwo wonke umsebenzi, bonke abaya kubunika ngokuqhutywa yintliziyo ubulumko bomsebenzi wonke;nabathetheli nabantu bonke bowaphulaphula amazwi akho onke.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29