bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Chronicles 25
1 Chronicles 25
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 26 →
1
UDavide nabathetheli-mkhosi babahlulela inkonzo oonyana baka-Asafu noHeman noYedutun, baprofeta ngeehadi nangemirhubhe nangamacangci. Inani lawo la madoda asebenzela inkonzo yawo laba leli:
2
Koonyana baka-Asafu: nguZakure, noYosefu, noNetaniya, noAsharela; oonyana baka-Asafu bephethwe nguAsafu, beprofeta, bephethwe ngokomyalelo wokumkani.
3
KuYedutun: oonyana bakaYedutun nguGedaliya, noTseri, noYeshaya, noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu, bephethwe nguyise uYedutun, eprofeta ngohadi, ebulela edumisa uYehova.
4
KuHeman: oonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noYerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMahaziyoti.
5
Bonke aba babengoonyana kuHeman, imboni yokumkani emazwini kaThixo, ukuba aluphakamise uphondo. UThixo wamnika uHeman oonyana abalishumi elinabane, neentombi ezintathu.
6
Bonke abo babephethwe nguyise ekuvumeni endlwini kaYehova, benamacangci, nemirhubhe, neehadi, bekhonza endlwini kaThixo, bephethwe ngokomyalelo wokumkani, noAsafu, noYedutun, noHeman.
7
Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo.
8
Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo.
9
Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini;iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini;
10
elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;
11
elesine noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
12
elesihlanu noNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
13
elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
14
elesixhenxe noYesharela: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
15
elesibhozo noYeshaya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
16
elesithoba noMataniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
17
eleshumi noShimehi: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
18
eleshumi elinanye noAzareli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
19
eleshumi elinesibini noHashabhiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
20
eleshumi elinesithathu noShubhayeli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
21
eleshumi elinesine noMatitiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
22
eleshumi elinesihlanu noYeromoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
23
eleshumi elinesithandathu noHananiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
24
eleshumi elinesixhenxe noYoshebhekasha: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
25
eleshumi elinesibhozo noHanani; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;
26
eleshumi elinesithoba noMaloti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
27
elamashumi omabini noEliyata: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
28
elamashumi omabini analinye noHotire; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
29
elamashumi omabini anesibini noGidaleti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
30
elamashumi omabini anesithathu noMahaziyoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhebaba lishumi elinababini;
31
elamashumi omabini anesine noRomamti-ezere: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29