bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Chronicles 10
2 Chronicles 10
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 11 →
1
URehabheham waya kwaShekem; ngokuba amaSirayeli onke abeye kumenza ukumkani kwaShekem.
2
Kwathi, akuva uYarobheham unyana kaNebhati (eseYiputa, apho wayebalekele khona ebusweni bukaSolomon ukumkani; ehleli uYarobheham eYiputa, bathumela bambiza),
3
weza uYarobheham namaSirayeli onke, bathetha noRehabheham, besithi,
4
Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu; ke wena yenze lula inkonzo elukhuni kayihlo, nedyokhwe yakhe enzima awayibeka phezu kwethu, sikukhonze.
5
Wathi kubo, Khanindikhwelele iintsuku zibe ntathu, nibuye nize kum. Bemka ke abantu.
6
Ukumkani uRehabheham wacebisana namadoda amakhulu, abesakuma phambi koSolomon uyise oko ebesahleli, wathi, Ninika cebo lini na, ukuba ndibanike ilizwi aba bantu?
7
Athetha ke kuye esithi, Ukuba uthe wanobubele kwaba bantu, wabakholisa, wathetha amazwi amahle kubo, bokukhonza yonke imihla.
8
Walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona, wacebisana namadodana aziintanga zakhe, abemi phambi kwakhe.
9
Wathi kuwo, Ninika cebo lini na nina, ukuba sibanike ilizwi aba bantu bathethileyo kum, besithi. Yenze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo?
10
Athetha ke naye amadodana aziintanga zakhe, esithi, Yithi kubantu abathethe kuwe, besithi, Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, yenze lula kuthi wena; yithi kubo, Ucikicane wam uya kuba nesibili kunesinqe sikabawo;
11
ke, ekubeni ubawo ubenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo ubenibetha ngeentsontelo, ke mna ndiya kunibetha ngeekatsi.
12
Baya ke ooYarobheham nabantu bonke kuRehabheham ngomhla wesithathu, njengoko wayethethe ngako ukumkani, esithi, Nobuya nize kum ngomhla wesithathu.
13
Ukumkani wabaphendula kalukhuni; ukumkani uRehabheham walishiya icebo lamadoda amakhulu.
14
Wathetha kubo ngokwecebo lamadodana, esithi, Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu, mna ke ndiya kongeza kuyo; ubawo wanibetha ngeentsontelo, ke mna ndiya kunibetha ngeekatsi.
15
Akabaphulaphulanga ke abantu ukumkani; ngokuba esi siphendu sibe siphuma kuThixo, ukuze uYehova alimise ilizwi lakhe, abelithethile ngoAhiya waseShilo kuYarobheham unyana kaNebhati.
16
Akubona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese; elowo makaye ententeni yakhe, maSirayeli; zikhangelele ngoku indlu yakho, Davide. Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli onke.
17
Ke oonyana bakaSirayeli, ababehleli emizini yakwaYuda, uRehabheham waba ngukumkani kubo.
18
Ukumkani uRehabheham wathuma uAdoram, obephethe abafakwa uviko. Besuka oonyana bakaSirayeli, bamxuluba ngamatye, wafa.Ukumkani uRehabheham wakhawuleza waya kukhwela enqwelweni yakhe, ukuba asabele eYerusalem.
19
Akreqa ke amaSirayeli endlwini kaDavide, unanamhla.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36