bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Chronicles 35
2 Chronicles 35
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 36 →
1
UYosiya wenza ipasika kuYehova eYerusalem; bayixhela ipasika ngosuku lweshumi elinesine lwenyanga yokuqala.
2
Wabamisa ababingeleli phezu kwezigxina zabo, wabomelezela enkonzweni yabo yendlu kaYehova.
3
Wathi kubaLevi ababeqondisa onke amaSirayeli, ababengcwele kuYehova, Yibekeni ityeya engcwele endlwini, awayakhayo uSolomon unyana kaDavide; ukumkani wakwaSirayeli; aniyi kuyithwala emagxeni. Mkhonzeni kaloku uYehova uThixo wenu, nabantu bakhe amaSirayeli.
4
Zilungiseni ngokwezindlu zooyihlo, ngokwamaqela enu, ngokwesibhalo sikaDavide ukumkani wakwaSirayeli, nangokwesibhalo sikaSolomon unyana wakhe;
5
nithi engcweleni nimele izahlulo zezindlu zooyise zabazalwana benu, oonyana babantu, iqela eli labaLevi limele indlu enye yooyise.
6
Nize niyixhele ipasika, nizingcwalise, niyilungisele abazalwana benu, kwenziwe ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaMoses.
7
UYosiya wabarhumela oonyana babantu, bonke abafunyanwayo khona, impahla emfutshane, iimvana, namatakane eebhokhwe, onke lawo angawepasika, engamawaka amashumi mathathu inani; namawaka amathathu eenkomo. Konke oko kwaphuma kwimfuyo yokumkani.
8
Abathetheli bakhe babarhumela abantu nababingeleli nabaLevi iminikelo yabaqhutywa yintliziyo. UHilekiya, noZekariya, noYehiyeli, iinganga zendlu kaThixo, babanika ababingeleli amawaka amabini anamakhulu mathandathu amatakane angawepasika, namakhulu amathathu eenkomo.
9
UKonaniya noShemaya, noNataniyeli, abazalwana bakhe, noHashabhiya, noYehiyeli, noYozabhadi, abathetheli babaLevi, babarhumela abaLevi amawaka amahlanu amatakane angawepasika, namakhulu omahlanu eenkomo.
10
Yalungiswa ke inkonzo leyo; bema ababingeleli ezindaweni zabo, abaLevi emaqeleni abo, ngokomthetho wokumkani.
11
Bayixhela ipasika; ababingeleli bathabatha igazi ezandleni zabo, balitshiza, abaLevi bahlinza.
12
Bakususa okwamadini anyukayo, ukuba kunikelwe kwizahlulo zezindlu zooyise zoonyana babantu, kusondezwe kuYehova, njengoko kubhaliweyo encwadini kaMoses. Benjenjalo nangeenkomo.
13
Bayosa ipasika ngomlilo ngokwesiko; izinto ezingcwalisiweyo bazipheka ngeembiza, nangongxawu, nangeepani, bagidimisa koonyana bonke babantu.
14
Emveni koko bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli ngokuba ababingeleli, oonyana baka-Aron, babenyusa amadini anyukayo namaqatha, kude kube sebusuku. Ke abaLevi bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli, oonyana baka-Aron.
15
Iimvumi, oonyana baka-Asafu, zibe zisezindaweni zazo ngokomthetho kaDavide, noAsafu, noHeman, noYedutun imboni yokumkani; nabamasango emasangweni ngamasango babengesuki enkonzweni yabo; ngokuba abazalwana babo abaLevi babebalungisela.
16
Yalungiswa ke yonke inkonzo kaYehova, ngaloo mini yokwenza ipasika, nokunyusa amadini anyukayo esibingelelweni sikaYehova, ngokomthetho wokumkani uYosiya.
17
Oonyana bakaSirayeli ababekho bayenza ipasika ngelo xesha, nomthendeleko wezonka ezingenagwele, imihla esixhenxe.
18
Bekungazanga kwenziwe pasika ngokwaleyo kwaSirayeli, kususela kwimihla kaSamuweli umprofeti. Ookumkani bonke bakwaSirayeli abazanga benze pasika, ngokwaloo pasika wayenzayo uYosiya, nababingeleli, nabaLevi, nawo onke amaYuda namaSirayeli abekhona, nabemi baseYerusalem.
19
Kwaba ngomnyaka weshumi elinesibhozo wobukumkani bukaYosiya, ukwenziwa kwaloo pasika.
20
Emveni kwako konke ukuyilungisa kukaYosiya indlu leyo, kwenyuka uNeko, ukumkani waseYiputa, eza kulwa neKarkemishe ngase-Efrati; uYosiya waphuma, waya kulwa naye.
21
Wathuma abathunywa kuye, wathi, Yintoni na enam nawe, kumkani wakwaYuda? Andize kulwa nawe namhla; ndize endlwini endilwa nayo; uThixo uthe mandikhawulezise; mkhwelele uThixo onam, angakutshabalalisi.
22
Ke uYosiya akabusonganga ubuso bakhe kuye; wazenza mntu wumbi, ukuba alwe naye; akawaphulaphula amazwi kaNeko, aphuma emlonyeni kaThixo; weza kulwa esihlanjeni saseMegido.
23
Abatoli bamtola ukumkani uYosiya; wathi ukumkani kubakhonzi bakhe, Ndishenxiseni, ngokuba ndingxwelerhwe kakubi.
24
Abakhonzi bakhe bamthula enqwelweni, bamkhwelisa kweyesibini inqwelo abenayo, bamsa eYerusalem; wafa, wangcwatyelwa emangcwabeni ooyise. Onke amaYuda neYerusalem amenzela isijwili uYosiya.
25
UYeremiya wamenzela isimbonono uYosiya; zathetha zonke iimvumi neemvumikazi ezimbononweni zazo ngoYosiya, unanamhla.Bazenza ummiselo kwaSirayeli; nanzo zibhaliwe ezimbononweni.
26
Ezinye izinto zikaYosiya, nokwenza kwakhe inceba, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaYehova,
27
nezinto zakhe ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 36 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36