bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Chronicles 19
2 Chronicles 19
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 20 →
1
Wabuya uYehoshafati ukumkani wakwaYuda, waya endlwini yakhe eYerusalem enoxolo.
2
Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela.Wathi kukumkani uYehoshafati, Kukuthini na ukuba uncede ongendawo, ubathande abathiyi bakaYehova? Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.
3
Noko kambe kukho izinto ezintle ezifumanekileyo kuwe;ngokuba ubatshisile ooAshera ezweni, wayisingisela intliziyo yakho ekumquqeleni uThixo.
4
Wahlala uYehoshafati eYerusalem; wabuya waphuma, wahamba phakathi kwabantu, wathabathela eBher-shebha wesa ezintabeni zakwaEfrayim, wababuyisela kuYehova, uThixo wooyise.
5
Wamisa abagwebi ezweni, emizini yonke yakwaYuda enqatyisiweyo, kwimizi ngemizi.
6
Wathi kubagwebi, Kulumkeleni enikwenzayo; ngokuba akungenxa yomntu ukugweba kwenu, kungenxa kaYehova; unani ke emcimbini wokugweba.
7
Ngoko ke ukoyikwa kukaYehova makube phezu kwenu; yenzani ngobulumko; ngokuba akukho bugqwetha kuYehova uThixo wethu, nakukhetha buso, nakwamkela sicengo.
8
Kananjalo eYerusalem uYehoshafati wamisa inxenye yabaLevi, nababingeleli, neentloko zezindlu zooyise zakwaSirayeli, ngenxa yogwebo lukaYehova, nangenxa yokubambana kwabantu. Babuyela kwaseYerusalem.
9
Wabawisela umthetho wathi, Niya kwenjenjalo ukumoyika uYehova ngokunyanisekileyo, nangentliziyo epheleleyo.
10
Zonke iindawo ekubanjwene ngazo eziza kuni, zivela kubazalwana benu, abahleli emizini yabo, phakathi kwegazi negazi, phakathi komyalelo nomthetho nemimiselo namasiko, nobakhanyisela; ukuze bangabi natyala kuYehova, bunganifikeli nina nabazalwana benu uburhalarhume bakhe; nenjenjalo, ukuze ningabi natyala.
11
Nanko uAmariya umbingeleli omkhulu, ephezu kwenu ezintweni zonke zikaYehova; noZebhadiya unyana kaIshmayeli, inganga yendlu yakwaYuda, ezintweni zonke zokumkani; nabaLevi boba ngababhali phambi kwenu. Yomelelani nenze; uYehova woba nolungileyo kuni.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36