bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Chronicles 3
2 Chronicles 3
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 4 →
1
USolomon waqala ukuyakha indlu kaYehova eYerusalem, entabeni yeMoriya, apho uYehova wabonakala khona kuDavide uyise, endaweni awayilungisayo uDavide, esandeni sikaOrnan umYebhusi.
2
Waqala ukwakha ngenyanga yesibini, ngowesibini umhla, ngomnyaka wesine wobukumkani bakhe.
3
Siso esi isiseko awasibekayo uSolomon ekuyakheni kwakhe indlu kaThixo; ubude iikubhite ngokomlinganiso omdala bebuziikubhite ezimashumi mathandathu; ububanzi bebuziikubhite ezimashumi mabini.
4
Ivaranda, ebingaphambi kobude bendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini, ingangobubanzi bendlu, nokuphakama kwayo kwakuziikubhite ezilikhulu elinamanci mabini; wayaleka ngaphakathi ngegolide ecocekileyo.
5
Indlu enkulu wayaleka ngemisipres, wayaleka ke yona ngegolide entle, wenza kuyo amasundu nezidanga.
6
Wayivathisa indlu ngamatye anqabileyo ukuyihombisa; igolide leyo ibiyigolide yaseParvayim.
7
Wayaleka indlu, imiqadi, nemigubasi, neendonga zayo, neengcango zayo, ngegolide; wakrola iikerubhi ezindongeni.
8
Wenza indlu yengcwele kangcwele: ubude bayo, ngangobubanzi bendlu, bebuziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo bebuziikubhite ezimashumi mabini; wayaleka ngegolide entle, ekwiitalente ezimakhulu mathandathu.
9
Ubunzima bezikhonkwane bebuziishekele ezimashumi mahlanu zegolide. Wawaleka ngegolide amagumbi aphezulu.
10
Wenza endlwini yengcwele kangcwele iikerubhi ezimbini;zakrolwa ukusetyenzwa kwazo; wazaleka ngegolide.
11
Amaphiko eekerubhi ubude bawo bebuziikubhite ezimashumi mabini; iphiko elinye beliziikubhite ezintlanu, lada laya kufikelela eludongeni lwendlu; nelinye iphiko beliziikubhite ezintlanu, ukuya kufikelela ephikweni leyesibini ikerubhi.
12
Iphiko lenye ikerubhi beliziikubhite ezintlanu, ukuya kufikelela eludongeni lwendlu; nelesibini iphiko beliziikubhite ezintlanu, ukuya kuhlangana nephiko lenye ikerubhi.
13
Amaphiko ezo kerubhi oluka iikubhite ezimashumi mabini;zema ngeenyawo, zikhangelise ubuso kuyo indlu.
14
Wawenza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo; wenza iikerubhi kuwo.
15
Wenza phambi kwendlu iintsika zambini: zaziikubhite ezimashumi mathathu anantlanu ubude bazo; ingqukuva esemantloko azo ibiziikubhite ezintlanu.
16
Wenza izidanga emqaleni, wazibeka emantloko eentsika; wenza ikhulu leerharnate, wazibeka ezidangeni.
17
Wazimisa iintsika phambi kwetempile, enye yangasekunene, enye yangasekhohlo; wathi igama leyasekunene nguZinzisayo, negama leyasekhohlo nguMandlakuye.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36