bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Chronicles 20
2 Chronicles 20
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 21 →
1
Kwathi emveni koko, oonyana bakaMowabhi noonyana baka-Amon, benamaMahun, beza kulwa noYehoshafati.
2
Beza bamxelela uYehoshafati, bathi, Kuza kuwe ingxokolo eninzi, evela phesheya kolwandle kwa-Aram; nantso eHatsetson-tamare, eyiEngedi.
3
Woyika uYehoshafati, wazinikela ngokwakhe ekumquqeleni uYehova, wathi makuzilwe ukudla ngamaYuda onke.
4
Ahlanganisana ke amaYuda, efuna uncedo kuYehova; nasemizini yonke yakwaYuda baphuma bequqela uYehova.
5
Wema uYehoshafati ebandleni lakwaYuda nelaseYerusalem, endlwini kaYehova, phambi kwentendelezo entsha,
6
wathi, Yehova, Thixo woobawo, asinguwe na onguThixo emazulwini? Asinguwe na umlawuli ezikumkanini zonke zeentlanga?Akasesandleni sakho na amandla nobugorha, ukuba kungabikho unokumelana nawe?
7
Asinguwe na uThixo wethu, owabagqogqayo abemi beli lizwe phambi kwabantu bakho amaSirayeli, waza walinika imbewu ka-Abraham okuthandayo, ngonaphakade?
8
Bahlala kulo, bakwakhela kulo indawo engcwele ngenxa yegama lakho, besithi,
9
Ukuba sithe safikelwa bububi, nalikrele, nangumgwebo, nayindyikitya yokufa, nayindlala, sema phambi kwale ndlu, naphambi kwakho (ngokuba likule ndlu igama lakho), sakhala kuwe ekubandezelekeni kwethu, wosiva usindise.
10
Yabona ke naba oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, owawungavumanga ukuba amaSirayeli abangenele ekuphumeni kwawo ezweni laseYiputa; ngokuba abayeka, akabatshabalalisa;
11
naba ke besibuyekeza ngokuza kusigxotha elifeni lakho, owasinikayo ukuba silidle.
12
Thixo wethu, akuyi kubagweba na? Ngokuba asinamandla okumelana nale ngxokolo ininzi isizelayo; thina asazi ukuba sothini na, kodwa amehlo ethu akuwe.
13
Ema ke onke amaYuda phambi koYehova, neentsana zawo, nabafazi bawo, noonyana bawo.
14
UYahaziyeli, unyana kaZekariya, unyana kaBhenaya, unyana kaYehiyeli, unyana kaMataniya, umLevi wakoonyana baka-Asafu, wafikelwa nguMoya kaYehova ephakathi kwebandla elo;
15
wathi, Bazani iindlebe, nonke maYuda, nani bemi baseYerusalem, nawe kumkani Yehoshafati. Utsho uYehova ukuthi kuni, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini ngenxa yale ngxokolo inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe le asiyeyenu, yekaThixo.
16
Yihlani ngomso niye kulwa nabo; nabo benyuka ngeqhina leTsitsi; nobafumana ekupheleni kwesihlambo, phambi kwentlango yaseYeruweli.
17
Le yanamhla asiyeyenu; zimiseni nime, nilubone usindiso lukaYehova onani, maYuda neYerusalem. Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini. Phumani ngomso nibahlangabeze; uYehova unani.
18
Wathoba uYehoshafati, ebubhekise ubuso emhlabeni; namaYuda onke nabemi baseYerusalem bawa phambi koYehova, bamnqula uYehova.
19
Basuka bema abaLevi, bakoonyana bakaKehati, nabakoonyana bamaKora, ukuba badumise uYehova, uThixo kaSirayeli, ngezwi elikhulu kunene.
20
Bavuka kusasa ngengomso, baphuma baya entlango yeTekowa.Ekuphumeni kwabo wema uYehoshafati, wathi, Ndiphulaphuleni, nina maYuda, nani bemi baseYerusalem. Kholwani kuYehova uThixo wenu, nozimaseka; kholwani kubaprofeti bakhe, noba nempumelelo.
21
Uthe akucebisana nabantu, wamisa iimvumi zikaYehova zokudumisa, zivethe ezingcwele, eziya kuphuma zihambe phambi kwabaxhobileyo, zisithi, bulelani kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
22
Bathe bakuqala ukumemelela nokudumisa, uYehova wabafikisela abalaleli oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, ababeze kumaYuda; babulawa.
23
Ngokuba oonyana baka-Amon nabakaMowabhi besuka balwa nabemi bentaba yakwaSehire, ukuba babasingele phantsi, babatshabalalise. Bakubagqiba abemi bakwaSehire, babulalana kwabodwa.
24
Afika amaYuda emboniselweni yasentlango, akhangela kuloo ngxokolo, abona bezizidumbu, bequngquluzile emhlabeni, kungekho usindileyo.
25
UYehoshafati nabantu bakhe beza kuphanga amaxhoba;bafumana kubo into eninzi: impahla, nezidumbu, nezinto ezinqwenelekayo; baziphangela, kwayinkohla ukuyithwala. Baba ntsuku ntathu bewaphanga amaxhoba, ngokuba abemaninzi.
26
Ngomhla wesine bahlanganisana eNtilini yokuBonga; kuba bambonga khona uYehova; ngenxa yoko bathi igama lale ndawo yiNtili yokuBonga, unanamhla.
27
Abuya onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, uYehoshafati esentloko kuwo, ukuze abuye aye eYerusalem, enovuyo; ngokuba uYehova wenza ukuba azivuyelele iintshaba zawo.
28
Angena eYerusalem enemirhubhe, neehadi, namaxilongo, aya endlwini kaYehova.
29
Ukoyikwa kukaYehova kwazifikela zonke izikumkani zamazwe, zakuva ukuba uYehova ulwile neentshaba zakwaSirayeli.
30
Bazola ke ubukumkani bukaYehoshafati; uThixo wakhe wamphumza ngeenxa zonke.
31
UYehoshafati waye engukumkani kwaYuda; ubeminyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; aba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem.Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.
32
Wahamba ngendlela kayise uAsa, akatyeka kuyo; wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.
33
Kodwa iziganga abazisusanga; abantu babengekazibhekisi iintliziyo zabo kuThixo wooyise.
34
Ezinye izinto zikaYehoshafati, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaYehu unyana kaHanani, eyafakwa encwadini yookumkani bakwaSirayeli.
35
Emveni koko uYehoshafati ukumkani wakwaYuda wazimanya noAhaziya ukumkani wakwaSirayeli, lowo wenzayo okungendawo.
36
Wazimanya naye ngokwenza iinqanawa zokuya eTarshishe;bazenza iinqanawa e-Etsiyon-gebhere.
37
Waprofeta uEliyezere, unyana kaDodavahu waseMaresha, ngoYehoshafati, esithi, Ngokudibana kwakho noAhaziya, uyaphule uYehova imisebenzi yakho. Zaphuka ke iinqanawa ezo, azaba nakuya eTarshishe.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36