bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Chronicles 23
2 Chronicles 23
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 24 →
1
Ngomnyaka wesixhenxe wazomeleza uYehoyada, wathabatha abathetheli-makhulu, uAzariya unyana kaYehoram, noIshmayeli unyana kaYehohanan, noAzariya unyana kaObhedi, noMahaseya unyana ka-Adaya, noElishafati unyana kaZikri, wanqophisana nabo.
2
Bajikeleza kwaYuda, babahlanganisa abaLevi emizini yonke yakwaYuda, neentloko zonke zezindlu zooyise zakwaSirayeli, beza nabo eYerusalem.
3
Lesuka lonke ibandla lenza umnqophiso nokumkani endlwini kaThixo. Wathi kubo uYehoyada, Yabonani, unyana wokumkani makabe ngukumkani, njengoko wakuthethayo uYehova ngonyana bakaDavide.
4
Yiyo le into eniya kuyenza; esinye isahlulo sesithathu kuni bangenayo ngesabatha, kubabingeleli nakubaLevi, soba ngabagcini bamasango;
5
esinye isahlulo sesithathu soba sendlwini yokumkani; esinye isahlulo sesithathu soba seSangweni lesiSeko; abantu bonke boba sezintendelezweni zendlu kaYehova.
6
Ize kungangeni bani endlwini kaYehova, ngaphandle kwababingeleli nabalungiseleli bakubaLevi; bona baya kungena ngokuba bangcwele; bonke abantu bazigcine izigxina zikaYehova.
7
AbaLevi bomngqonga ukumkani ngeenxa zonke, elowo ephethe iintonga zakhe ngesandla; ongowumbi ongenayo endlwini makabulawe; babe nokumkani ekungeneni kwakhe nasekuphumeni kwakhe.
8
Benza ke abaLevi namaYuda onke njengako konke awabawisela umthetho ngako uYehoyada umbingeleli. Bathabatha elowo amadoda akhe, abengena ngesabatha nabephuma ngesabatha; ngokuba uYehoyada umbingeleli akawandululanga amaqela lawo.
9
UYehoyada umbingeleli wabanika abathetheli-makhulu iintshuntshe, neengweletshetshe, namakhaka, abengakakumkani uDavide, abesendlwini kaThixo.
10
Wabamisa bonke abantu, elowo eneentonga zakhe esandleni;bathabathela kwelokunene igxalaba lendlu besa kwelokhohlo igxalaba lendlu, ngasesibingelelweni nangasendlwini, kukumkani ngeenxa zonke.
11
Bamkhuphela phandle unyana wokumkani, bamfaka isithsaba, bamnika isingqiniso, bamenza ukumkani. UYehoyada noonyana bakhe bamthambisa, bathi, Makadle ubomi ukumkani!
12
Uthe uAtaliya akusiva isandi sabantu, begidima, bedumisa ukumkani, weza ebantwini endlwini kaYehova.
13
Wakhangela, wambona ukumkani emi endaweni ephakamileyo ekungeneni, abathetheli nabavutheli-maxilongo bengakukumkani;abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo; iimvumi zineempahla zokuvuma, zihlabela awokudumisa. UAtaliya wazikrazula iingubo zakhe, wathi, Licebo! licebo!
14
UYehoyada umbingeleli wabawisela umthetho abathetheli-makhulu, abaveleli bomkhosi, wathi kubo, Mkhupheleni phandle phakathi kwezintlu; omlandelayo makabulawe ngekrele. Ngokuba ubesithi umbingeleli, Makangabulawelwa endlwini kaYehova.
15
Bamkhwelela ke ngeenxa zombini; waya ekungeneni kwesango lamahashe endlwini yokumkani; bambulalela khona.
16
Wenza uYehoyada umnqophiso phakathi kwakhe nabantu bonke, nokumkani, ukuba babe ngabantu bakaYehova.
17
Baya bonke abantu endlwini kaBhahali, bayidiliza;nezibingelelo zakhe, nemifanekiso yakhe bayiqhekeza; bambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwezibingelelo.
18
UYehoyada wamisa abaveleli bendlu kaYehova ngesandla sababingeleli abangabaLevi, awabahlulela uDavide indlu kaYehova, ukuba banyuse amadini anyukayo kaYehova, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, benovuyo neengoma, ngoko kumiselwe nguDavide.
19
Wamisa abagcini-masango emasangweni endlu kaYehova, ukuze kungangeni uyinqambi nangantoni.
20
Wathabatha abathetheli-makhulu, nezinhanha, nabalawuli babantu, nabantu bonke belizwe, wehla nokumkani endlwini kaYehova; bangena ngesango eliphezulu lendlu yokumkani, bambeka ukumkani etroneni yokumkani.
21
Bavuya ke bonke abantu belizwe, umzi wazola; bambulala ke uAtaliya ngekrele.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36