bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Ezekiel 10
Ezekiel 10
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 11 →
1
Ndabona, nanko, phezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kwentloko yeekerubhi, kunjengelitye lesafire, kubonakala ngathi ngumfanekiso wetrone; wabonakala phezu kwazo uYehova.
2
Wathetha kwindoda eyambethe ilinen emhlophe, wathi, Yiya phakathi kweevili ezijikelezayo ngaphantsi kwekerubhi, uzalise izandla zakho ngamalahle omlilo, uwathabathe phakathi kweekerubhi, uwasasaze phezu kwawo umzi. Yangena ndiyibona.
3
Ke iikerubhi bezimi ngasekunene kwendlu, ekungeneni kwendoda leyo; ilifu layizalisa intendelezo ephakathi.
4
Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka ezikerubhini, baya emnyango wendlu. Yazala indlu lilifu, nentendelezo yazala bubumhlophe bobuqaqawuli bukaYehova.
5
Savakala isandi samaphiko eekerubhi, sada saya entendelezweni engaphandle, sinjengezwi loSomandla akuthetha.
6
Kwathi, akuyiwisela umthetho indoda eyambethe ilinen emhlophe, esithi, Thabatha umlilo phakathi kweevili ezijikelezayo, phakathi kweekerubhi, yasuka yangena yema ecaleni kweevili.
7
Ibe isuka ke ikerubhi, isolule isandla sayo phakathi kweekerubhi, isise emlilweni ophakathi kweekerubhi, iwuthabathe, iwunikele esandleni sowambethe ilinen emhlophe;ebewuthabatha ke aphume.
8
Kwabonakala ke ezikerubhini into efana nesandla somntu, phantsi kwamaphiko azo.
9
Ndabona, nanzo iivili ezine zisecaleni leekerubhi, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ukubonakala kweevili ngathi yimbonakalo yelitye lekrizolite.
10
Ngokubonakala kwazo zone bezimfani-nye, kwanga kukho ivili ngaphakathi kwevili.
11
Ekuhambeni kwazo zahamba zaya kumacala azo omane;azajikeleza ekuhambeni kwazo; ngokuba apho sukuba leyo iphambili ibe ibheka khona, zibe ziyilandela, zingajikelezi ekuhambeni kwazo.
12
Ke umzimba wazo wonke, nomhlana wazo, nezandla zazo, namaphiko azo, neevili, zibe zizele ngamehlo ngeenxa zonke;zone bezineevili zazo.
13
Iivili ezo zabizwa ezindlebeni zam, kwathiwa, ziivili ezijikelezayo.
14
Inye ibe inobuso obune: ubuso bokuqala ibubuso bekerubhi, ubuso besibini ibubuso bomntu, obesithathu ibubuso bengonyama, obesine ibubuso bokhozi.
15
Zenyuka iikerubhi; yilaa nto iphilileyo, ndayibonayo emlanjeni oyiKebhare.
16
Ekuhambeni kweekerubhi zahamba iivili ecaleni lazo;nasekuwaphakamiseni kweekerubhi amaphiko azo, ukuba zisuke emhlabeni, azijikanga neevili zazo zimke ecaleni lazo.
17
Ekumeni kwazo zema nazo; ekusukeni kwazo ukuba ziphaphazele, zesuka nazo; ngokuba umoya wento ephilileyo ube ukho kuzo.
18
Baphuma ke ubuqaqawuli bukaYehova, bemka emnyango wendlu, beza kuma phezu kweekerubhi.
19
Iikerubhi zawaphakamisa amaphiko azo, zasuka emhlabeni emehlweni am; ekuphumeni kwazo iivili zazingakuzo. Zema ekungeneni kwesango lendlu kaYehova elisempumalanga, ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buphezu kwazo ngaphezulu.
20
Yilaa nto iiphilileyo, ndayibonayo phantsi koThixo kaSirayeli emlanjeni oyiKebhare; ndazi ke ukuba ziziikerubhi.
21
Inye ibe inobuso obune inye ibe inamaphiko amane, imfano yezandla zomntu ingaphantsi kwamaphiko azo.
22
Ke imfano yobuso bazo, ibe ibobaa buso ndabubonayo imlanjeni oyiKebhare, nokubonakala kwazo nazo ngokwazo; zibe zihamba iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48