bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Ezekiel 33
Ezekiel 33
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 34 →
1
Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2
Nyana womntu, thetha koonyana babantu bakowenu, uthi kubo, Xa ndithe ilizwe ndalizisela ikrele, abantu belizwe elo bathabatha indoda yaseziphelweni zabo, bayimisa ukuba ibe ngumboniseli wabo;
3
yabona ikrele lilifikela ilizwe elo, yavuthela isigodlo, yabavusa abantu;
4
ke umntu othe waliva izwi lesigodlo, akavuswa, lafika ikrele elo, lamthabatha: loba sentlokweni yakhe igazi lakhe.
5
Izwi lesigodlo ulivile, akavuswa, igazi lakhe loba phezu kwakhe; evusiwe, ange ewusizile umphefumlo wakhe.
6
Umboniseli lowo, xa athe walibona ikrele lisiza, akavuthela isigodlo, akabavusa abantu; lafika ikrele, lathabatha kubo umphefumlo: lowo uthatyathwe ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolibiza esandleni somboniseli lowo.
7
Wena ke, nyana womntu, ndikwenze waba ngumboniseli kwindlu kaSirayeli; woliva emlonyeni wam ilizwi, ubavuselele ngokuphuma kum.
8
Ndakuthi kongendawo, Wena ungendawo, uya kufa, inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho.
9
Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo endleleni yakhe, ukuba abuye kuyo, akabuya endleleni yakhe: wofa yena ngobugwenxa bakhe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.
10
Ke kaloku wena, nyana womntu, yithi kwindlu kaSirayeli, Niyalungisa ukuthi, Izikreqo zethu nezono zethu ziphezu kwethu;siyangcungcutheka kuzo; singathini na ukuphila?
11
Yithi kubo, Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo; kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe, aphile. Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi! Yini na ukuba nide nife, ndlu kaSirayeli?
12
Wena ke, nyana womntu, yithi koonyana babantu bakowenu, Ubulungisa belungisa abuyi kulihlangula ngemini yokreqo lwalo;ongendawo akayi kukhubeka ngokungendawo kwakhe, ngemini yokubuya kwakhe kokungendawo kwakhe; nelungisa aliyi kuphila ngabo ngemini yokona kwalo.
13
Ndakuthi kwilungisa, inene, lophila; lize ke likholose ngobulungisa balo, lenze ngobugqwetha: bonke ubulungisa balo abuyi kukhunjulwa; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo.
14
Ndakuthi kongendawo, Inene, uya kufa; abuye ekoneni kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa;
15
ongendawo asibuyise isibambiso, ayimisele into ehluthwe nguye, ahambe ngemimiselo yobomi, angenzi ngobugqwetha: inene, wophila, akayi kufa.
16
Zonke izono zakhe awona ngazo aziyi kukhunjulelwa kuye;wenze ngokusesikweni nangobulungisa; inene, wophila.
17
Bathi ke oonyana bakowenu, Indlela kaYehova ayilungelelene; kanti ngabo, abandlela ingalungeleleneyo.
18
Lakubuya ilungisa ebulungiseni balo, lenze ngobugqwetha, lofa ngabo.
19
Akubuya ongendawo kokungendawo kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa, inene, wophila ngenxa yoko.
20
Nithi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Ndiya kunigweba, elowo ngokweendlela zakhe, ndlu kaSirayeli.
21
Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini emva kokuthinjwa kwethu, ngenyanga yeshumi, ngolwesihlanu enyangeni leyo, kwafika kum osindileyo eYerusalem, wathi, Umzi ubulewe.
22
Isandla sikaYehova saba phezu kwam ngokuhlwa, ngaphambi kokufika kosindileyo. Wawuvula ke umlomo wam, wada wafika kum kusasa; wavuleka umlomo wam, andaba saba sisidenge.
23
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
24
Nyana womntu, abahleli emanxuweni emhlabeni wakwaSirayeli batsho ukuthi, uAbraham wayemnye, walidla ilifa ilizwe; ke thina sibaninzi, silinikiwe ilizwe ukuba silidle ilifa.
25
Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nidla into enegazi, amehlo enu niwaphakamisele ezigodweni zenu, niphalaze igazi; nolidla ilifa na ke ilizwe?
26
Nimi ngekrele lenu, nenza amasikizi, nithi elowo nimenze inqambi umfazi wommelwane wakhe; nolidla ilifa na ke izilwe?
27
Yitsho kubo ukuthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, abo basemanxuweni baya kuwa likrele; lo usendle ndimnikele emarhamncweni, ukuba amdle; bafe yindyikitya yokufa abasezimboniselweni nasemiqolombeni.
28
Ndiya kulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, liphele iqhayiya lamandla alo, zibe senkangala iintaba zakwaSirayeli, kungacandi bani kuzo;
29
bazi ukuba ndinguYehova, ndakulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, ngenxa yamasikizi onke ababewenzile.
30
Wena ke, nyana womntu, oonyana babantu bakowenu bancokola ngawe ngasezindongeni naseminyango yezindlu, elowo ethetha nomnye, elowo nomzalwana wakhe, esithi, Khanize, sive ukuba lilizwi eliyini na eliphuma kuYehova.
31
Beza kuwe njengokuza kwabantu, bahlale phambi kwakho ngokwabantu bam, baweve amazwi akho, bangawenzi; kuba benza okukhanukwa ngumlomo wabo; intliziyo yabo ilandela inzuzo yabo embi.
32
Yabona, kubo unjengovuma ingoma emnandi, ozwi liyolileyo, olungisayo ukubetha uhadi; baweve amazwi akho, bangawenzi noko.
33
Kothi ke kwakufika okonanko kusizabazi, ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 34 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48