bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Ezekiel 11
Ezekiel 11
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 12 →
1
Wandifunqula uMoya, wandisa esangweni lendlu kaYehova langasempumalanga, elibheke empumalanga; nanko, ekungeneni kwesango, kukho amadoda engamashumi amabini anamahlanu. Ndabona phakathi kwawo uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, abathetheli babantu.
2
Wathi kum, Nyana womntu, ngawo la amadoda acinga inkohlakalo, aceba amacebo amabi kulo mzi;
3
atshoyo ukuthi, Alikasondeli ixesha lokwakha izindlu; lo mzi yimbiza, thina ke siyinyama.
4
Ngako oko profetela kuwo, profeta, nyana womntu.
5
Wandiwela ke uMoya kaYehova, wathi kum, Yithi, Utsho uYehova ukuthi, Nitshilo nina, ndlu kaSirayeli; nezinto ezithe qatha emoyeni wenu ndiyazazi mna.
6
Ndibandisile ababuleweyo benu kulo mzi, nazizalisa izitrato zawo ngababuleweyo.
7
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ababuleweyo benu, ebe nibabeka phantsi phakathi kwawo umzi, bayinyama, wona ke uyimbiza; nina niya kukhutshwa phakathi kwawo.
8
Niyaloyika ikrele; ndiya kunizisela ikrele, itsho iNkosi;
9
ndinikhuphe phakathi kwawo, ndininikele esandleni sabasemzini, ndizenze izigwebo kuni.
10
Niya kuwa likrele; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli;nazi ukuba ndinguYehova.
11
Wona lo mzi awuyi kuba yimbiza kuni, aniyi kuba yinyama nina phakathi kwawo; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli,
12
nazi ukuba ndinguYehova; imimiselo yam anihambanga ngayo, namasiko am anawenza; nesuka nenza ngokwamasiko eentlanga ezingeenxa zonke kuni.
13
Kwathi ke ndakuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya.Ndawa ngobuso bam, ndakhala ngelizwi elikhulu, ndathi, Awu!Nkosi Yehova! Uyawagqibela kuphele na wena amasalela akwaSirayeli?
14
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
15
Nyana womntu, abazalwana bakho, abazalwana bakho ngamadoda akowenu, nendlu yonke yakwaSirayeli yonke iphela, yona leyo bathi ngayo abemi baseYerusalem, Bakude kuYehova; linikwe thina ilizwe ukuze sime kulo.
16
Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubeni ndibakhwelelisele ezintlangeni, ndabaphangalalisa emazweni, ke ndoba yingcwele kubo umzuzwana omncinane kuloo mazwe baye kuwo.
17
Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kunibutha ezizweni, ndinihlanganise emazweni enilusali kuwo, ndininike umhlaba wakwaSirayeli.
18
Baya kufika kuwo, bazisuse kuwo zonke izinto zawo ezinezothe, namasikizi awo onke.
19
Ndobanika ntliziyo yimbi, ndibeke umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo yelitye enyameni yabo, ndibanike intliziyo yenyama;
20
ukuze bahambe ngemimiselo yam, bagcine amasiko am bawenze, babe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo.
21
Ke bona abantliziyo ihamba ngokwentliziyo yezinto zabo ezinezothe, nezingamasikizi abo, ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo; utsho uYehova.
22
Iikerubhi zawaphakamisa amaphiko azo, kwaneevili ezingakuzo; ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baba phezu kwazo ngaphezulu.
23
Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka phakathi komzi, bema entabeni engasempumalanga kuwo umzi.
24
UMoya wandifunqula, wandisa kwelamaKaledi kubathinjwa, ndisembonweni ngoMoya kaThixo. Wenyuka wemka kum umbono ebendiwubona.
25
Ndathetha kubathinjwa onke amazwi kaYehova, abendibonisile.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48