bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Ezekiel 40
Ezekiel 40
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 41 →
1
Ngomnyaka wamashumi omabini anamihlanu wokuthinjwa kwethu, ekuqalekeni komnyaka, ngolweshumi enyangeni leyo, ngomnyaka weshumi elinesine emva kokuxatyelwa komzi, ngayo kanye loo mini, isandla sikaYehova saba phezu kwam, wandisa khona.
2
Ngemibono kaThixo wandisa ezweni lakwaSirayeli elo, wandibeka entabeni ephakamileyo kakhulu; phezu kwayo kwanga sisakhiwo somzi ngasezantsi.
3
Wandisa khona: nanko umntu, okubonakala kunjengokubonakala kobhedu, ephethe intsontelo yeflakisi ngesandla, nengcongolo yokulinganisa; waye ke emi esangweni.
4
Wathetha nam loo mntu, wathi, Nyana womntu, khangela ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, ugqale ngentliziyo yakho zonke izinto endikubonisa zona; ngokuba uziswe apha ukuze uboniswe. Xelela indlu kaSirayeli konke okubonayo.
5
Nanko ke, kukho udonga ngaphandle kwendlu, olujikelezileyo ngeenxa zonke, isesandleni somntu lowo ingcongolo yokulinganisa, iziikubhite ezintandathu, iyileyo iyikubhite enobubanzi besandla. Wabulinganisa ububanzi besakhiwo; baba yingcongolo enye, ukuphakama kwayingcongolo enye.
6
Waya esangweni elibheke empumalanga, wenyuka ngezinyuko zalo, walinganisa omnye umbundu wesango; waba yingcongolo enye ububanzi, omnye umbundu ke wokuqala wayingcongolo enye ububanzi.
7
Negumbi lokulinda laba yingcongolo enye ubude, layingcongolo enye ububanzi; phakathi kwamagumbi okulinda zaziikubhite ezintlanu; umbundu wesango, ongasevarandeni yesango enganeno kwayo indlu, wayingcongolo enye.
8
Walinganisa ivaranda yesango leyo inganeno kwayo indlu, yayingcongolo enye.
9
Walinganisa ivaranda yesango ke, yaziikubhite ezisibhozo, iintsika zayo zaziikubhite ezimbini; ke ivaranda yesango yayinganeno kwayo indlu.
10
Ke amagumbi okulinda, esango elisingise empumalanga, aba mathathu ngapha, aba mathathu nangapha, aba mlinganiso mnye omathathu, zaba mlinganiso mnye iintsika ngapha nangapha.
11
Walinganisa ububanzi bokungena kwesango, baziikubhite ezilishumi; ubude besango ngalinye baziikubhite ezilishumi elinazithathu.
12
Ke umda phambi kwamagumbi okulinda wawuyikubhite enye ngapha, wayikubhite enye nangapha umda; amagumbi okulinda aba ziikubhite ezintandathu ngapha, aba ziikubhite ezintandathu nangapha.
13
Walinganisa isango, ethabathela eluphahleni lwamagumbi okulinda, esa eluphahleni lwamanye; laba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi; umnyango ulunge nomnyango.
14
Iintsika wazenza zangamashumi omathandathu eekubhite; yeza kuma ngentsika intendelezo ejikelezileyo ngeenxa zonke esangweni.
15
Ke ukuthabathela phambi kwesango lokungena, kuse phambi kwevaranda yesango eliphakathi, zabaziikubhite ezimashumi mahlanu.
16
Bekukho iifestile ezi valiweyo emagumbini okulinda nasezintsikeni zawo ngecala eliphakathi esangweni, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukwanjalo nasezingqamekweni. Bekukho iifestile ngaphakathi, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukho namasundu ezintsikeni.
17
Wandisa entendelezweni ephandle; nanko, kwenziwe amagumbi nombekelelo wamatye, kwajikeleza ngeenxa zonke entendelezweni;yayingamagumbi angamashumi mathathu embekelelweni wamatye.
18
Umbekelelo wamatye ubusemacaleni amasango, ulungelelene nobude bamasango; umbekelelo lowo uphantsi.
19
Walinganisa ububanzi, ethabathela phambi kwesango lentendelezo ephantsi, esa phambi kwelentendelezo ephakathi nganeno kwalo; zalikhulu leekubhite ngasempumalanga nangasentla.
20
Isango elibheke entla ngasentendelezweni ephandle, wabulinganisa ubude balo nobubanzi balo;
21
namagumbi okulinda amathathu ngapha, amathathu nangapha, neentsika zalo, neengqameko zalo. Laba ngangomlinganiso wesango lokuqala; baziikubhite ezimashumi mahlanu ubude balo, nobubanzi balo baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu.
22
Iifestile zalo, neengqameko zalo, namasundu alo, zaba ngangomlinganiso wesango elibheke empumalanga; benyuka ngezinyuko ezisixhenxe ukuya kulo; neengqameko zalo zaba phambi kwazo.
23
Amasango entendelezo ephakathi alunga nesango langasentla nelangasempumalanga; walinganisa, wathabathela esangweni, wesa esangweni; zalikhulu leekubhite.
24
Wandihambisa wandisingisa ezantsi; nali isango, lisingise ezantsi; walinganisa iintsika zalo neengqameko zalo kwangokwaloo milinganiso.
25
Bekukho iifestile kulo nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke, njengeziya iifestile; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.
26
Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisixhenxe, nezingqameko zalo zaziphambi kwazo; belinamasundu, elinye lingapha, elinye lingapha, ezintsikeni zalo.
27
Bekukho isango elisa entendelezweni ephakathi, elisingise ezantsi; walinganisa ethabathela esangweni elo, esa esangweni elisingise ezantsi; zaba ziikubhite ezilikhulu.
28
Wandisa entendelezweni ephakathi ngesango lasezantsi, walilinganisa isango lasezantsi kwangokwaloo milinganiso;
29
namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.
30
Iingqameko zajikeleza ngeenxa zonke: zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ubude, zaba ziikubhite ezintlanu ububanzi.
31
Iingqameko zalo zabheka entendeezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika zalo. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.
32
Wandisa entendelezweni ephakathi, esingise empumalanga, walilinganisa isango kwangokwaloo milinganiso;
33
namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo, nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; aba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.
34
Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.
35
Wandisa esangweni lasentla, walilinganisa kwangokwaloo milinganiso;
36
namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo.Bekukho iifestile kulo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.
37
Iintsika zalo zakhangela entendelezweni ephandle;zinamasundu iintsika zalo ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.
38
Igumbi nomnyango walo lalingasezintsikeni zamasango;bebewahlamba khona amadini anyukayo.
39
Evarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini ngapha, iitafile ezimbini nangapha, zokuxhelela amadini anyukayo, nawesono, nawetyala.
40
Ecaleni elingaphandle, konyukayo esiya ekungeneni kwesango ngasentla, bekukho iitafile ezimbini; nakwelinye icala ngasevarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini.
41
Kwabakho iitafile ezine ngapha, iitafile ezine nangapha, ecaleni lesango; ziitafile ezisibhozo, zokuxhelela kuzo.
42
Kananjalo bekukho neetafile ezine ngasezinyukweni zamatye aqingqiweyo, aba yikubhite enye enesiqingatha ubude, ikubhite enye enesiqingatha ububanzi, ikubhite enye ukuphakama, ukuze babeke kuzo iimpahla zokuxhela amadini anyukayo nemibingelelo.
43
Amabhaxa angangobubanzi besandla, abe eqiniselweendlwini, ajikeleza ngeenxa zonke; yaye isezitafileni inyama yomsondezo.
44
Ngaphandle kwesango eliphakathi bekukho amagumbi amabini entendelezweni ephakathi; elinye lingasecaleni lesango lasentla, libheke ezantsi, elinye lingasecaleni lesango lasezantsi, libheke entla.
45
Wathi kum, Eli gumbi, libheke ezantsi, lelababingeleli abagcina isigxina sendlu le.
46
Igumbi elibheke entla lelababingeleli abagcina isigcina sesibingelelo. Bona bangoonyana bakaTsadoki, koonyana bakaLevi, abasondelayo kuYehova ukuba balungiselele kuye.
47
Wayilinganisa intendelezo; zaba ziikubhite ezilikhulu ubude, zaba ziikubhite ezilikhulu nobubanzi; imbombo-ne;isibingelelo ke besiphambi kwayo indlu.
48
Wandisa evarandeni yayo indlu, walinganisa intsika yevaranda: iikubhite zontlanu ngapha, iikubhite zontlanu ngapha; ububanzi besango baziikubhite ezintathu ngapha, iikubhite ezintathu nangapha.
49
Ubude bevaranda baba ziikubhite ezimashumi mabini, ububanzi baba ziikubhite ezilishumi elinanye ngasezinyukweni, ebe kunyukwa ngazo kuyiwe kuyo. Bekukho iintsika ngasezintsikeni zomnyango, enye ngapha, enye nangapha.
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 41 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48