bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Ezekiel 37
Ezekiel 37
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 36
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 38 →
1
Saba phezu kwam isandla sikaYehova; waphuma nam uYehova, ndikuMoya, wandibeka entilini phakathi; yona ke izele ngamathambo.
2
Wandidlulisa kuwo, wandijikelezisa ngeenxa zonke; yabona, ebemaninzi kakhulu entilini leyo; yabona, ebeselomile kakhulu.
3
Wathi ke kum, Nyana womntu, aya kuphila na ke la mathambo?Ndathi, Nkosi Yehova, kwazi wena.
4
Wathi kum, Profeta phezu kwala mathambo, uthi kuwo, Mathambondini, liveni ilizwi likaYehova.
5
Itsho iNkosi uYehova kula mathambo, ukuthi, Niyabona, ndingenisa umoya kuni; niya kuphila ke.
6
Ndiya kunifaka imisipha, ndimilise kuni inyama, ndinaleke ngolusu, ndifake umoya ngaphakathi kwenu, niphile; nazi ukuba ndinguYehova.
7
Ndaprofeta ngoko bendiwiselwe umthetho ngako; kwabakho isandi ndakuprofeta; nanko kurhashaza, asondelelana amathambo, ithambo lasondela kwithambo lalo.
8
Ndakhangela, nanko kukho imisipha kuwo, yamila inyama, kwaleka ulusu luthabathela phezulu; umoya ke awabakho.
9
Wathi kum, Profeta kuwo umoya, profeta, nyana womntu, uthi kuwo umoya, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Vela, moya kwimimoya yomine, uphefumlele kwaba babuleweyo, baphile.
10
Ndaprofeta ke ngoko bendiwiselwe umthetho ngako. Wangena umoya kuwo; baphila, bema ngeenyawo, umkhosi omkhulu kakhulu kunene.
11
Wathi ke kum, Nyana womntu, la mathambo yindlu kaSirayeli yonke; yabona, bathi, Amathambo ethu omile, nethemba lethu lidakile, sinqanyulwe.
12
Ngako oko profeta, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuwavula amangcwaba enu, ndininyuse niphume emangcwabeni enu, bantu bam, ndinise emhlabeni wakwaSirayeli.
13
Niya kwazi ukuba ndinguYehova, ekuwavuleni kwam amangcwaba enu, nasekuninyuseni kwam, niphume emangcwabeni enu, bantu bam.
14
Ndofaka uMoya wam kuni, niphile, ndinibeke emhlabeni wenu;nazi ukuba mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza; utsho uYehova.
15
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
16
Wena ke, nyana womntu, thabathela kuwe intonga ibe nye, ubhale kuyo uthi, EkaYuda, neyoonyana bakaSirayeli, amadlelane akhe; uthabathe enye intonga ubhale kuyo uthi, EkaYosefu (intonga kaEfrayim), nendlu yonke kaSirayeli, amadlelane akhe;
17
uzisondeze ke, enye kwenye, zibe ntonga-nye, zibe nto-nye esandleni sakho.
18
Bothi bakuthetha nawe oonyana babantu bakowenu, besithi, Akasixeleli na, ziyintoni na ezi ntonga kuwe?
19
uthi wena kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuyithabatha intonga kaYosefu, esesandleni sikaEfrayim nezizwe zikaSirayeli, amadlelane akhe endiwabeke kuyo ndawonye nentonga kaYuda, ndibenze babe ntonga-nye, babe nto-nye esandleni sam.
20
Iintonga obhale kuzo zize zibe sesandleni sakho emehlweni abo.
21
Uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kubathabatha oonyana bakaSirayeli phakathi kweentlanga abahamba kuzo, ndibabuthe, bavele ngeenxa zonke, ndibase emhlabeni wabo.
22
Ndobenza luhlanga lunye elizweni elo, ezintabeni zakwaSirayeli, abe mnye ukumkani, engukumkani wabo bonke bephela; bangabuyi babe ziintlanga ezimbini, bangabuyi bahluke babe zizikumkani ezibini.
23
Abayi kubuya bazenze iinqambi ngezigodo zabo, nangezinto zabo ezinezothe, nangezikreqo zabo zonke; ke ndobasindisa emakhayeni abo onke, ababesona kuwo, ndibahlambulule, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo.
24
Umkhonzi wam uDavide woba ngukumkani kubo, abe ngumalusi omnye kubo bonke bephela; bahambe ngamasiko am, bagcine imimiselo yam, bayenze.
25
Bohlala ezweni elo, ndalinika umkhonzi wam uYakobi, ababehleli kulo ooyise; bahlale ke khona, bona nabantwana babantwana babo kude kuse ephakadeni; uDavide, umkhonzi wam, abe sisikhulu sabo ngonaphakade.
26
Ndobenzela umnqophiso woxolo; uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade kubo; ndibamise, ndibandise, ndibeke ingcwele yam phakathi kwabo ngonaphakade.
27
Umnquba wam uya kuba phezu kwabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam:
28
zazi iintlanga ukuba ndinguYehova ongcwalise amaSirayeli, xa ingcwele yam iya kubakho phakathi kwabo ngonaphakade.
← Chapter 36
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 38 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48