bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Ezekiel 8
Ezekiel 8
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 9 →
1
Ke kaloku kwathi ngomnyaka wesithandathu, ngenyanga yesithandathu, ngolwesihlanu enyangeni leyo, ndihleli endlwini yam, namadoda amakhulu akwaYuda ehleli phambi kwam, sawa phezu kwam khona isandla seNkosi uYehova.
2
Ndabona, nantso into efana nendoda ukubonakala kwayo;kuthabathele esinqeni sayo kwehlisa, kubonakala ingumlilo;kuthabathele esinqeni sayo kunyuse, ngathi kukubonakala kokukhazimla, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo.
3
Wolula into emilise okwesandla, wandibamba ngesihlwitha sentloko yam; umoya wandifunqula ndaba phakathi komhlaba nezulu. Wandisa eYerusalem ngemibono kaThixo, ekungeneni kwesango lentendelezo ephakathi, elibheke ngasentla, apho bekuhleli khona umfanekiso wobukhwele okhweletisayo.
4
Nabo ke bukhona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli, bunjengombono endawubonayo entilini leyo.
5
Wathi kum, Nyana womntu, khawuphakamise amehlo akho, ukhangele ngasentla. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela ngasentla: nanko ngasentla kwesango lesibingelelo kukho loo mfanekiso wobukhwele usekungeneni kwalo.
6
Wathi kum, Nyana womntu, uyakubona na abakwenzayo?Ngamasikizi amakhulu la, iwenzayo apha indlu kaSirayeli, ukuze ndikhwelele kude nengcwele yam; usaya kubuya ubone amasikizi amakhulu kunala.
7
Wandisa ke ekungeneni kwentendelezo; ndabona, nango umngxuma eludongeni.
8
Wathi kum, Nyana womntu, khawugqobhoze eludongeni.Ndagqobhoza ke eludongeni, nanko kukho umnyango.
9
Wathi kum, Yiza, ubone amasikizi amabi abawenzayo apha.
10
Ndangena, ndabona: nanzo zonke izinto ezimilise okwesinambuzane nenkomo, izinto ezinezothe, nezigodo zonke zendlu kaSirayeli, zikroliwe eludongeni ngeenxa zonke.
11
Kumi phambi kwazo amadoda angamashumi asixhenxe kumadoda amakhulu endlu kaSirayeli, noYazaniya unyana kaShafan emi phakathi kwawo, iyileyo iphethe ngesandla isiqhumiselo, kunyuka ivumba lelifu lokuqhumisela.
12
Wathi kum, Nyana womntu, ukubonile na akwenzayo emnyameni amadoda amakhulu endlu kaSirayeli, iyileyo ezingontsini zayo ezinemifanekiso? ngokuba esithi, uYehova akasiboni, uYehova ulilahlile ilizwe.
13
Wathi kum, Usaya kubuya ubone amasikizi awenzayo amakhulu kunala.
14
Wandisa ekungeneni kwesango lendlu kaYehova elingasentla;nanko kuhleli abafazi apho, belilela uTamuzi.
15
Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Usaya kubuya ubone amasikizi awenzayo amakhulu kunala.
16
Wandisa entendelezweni ephakathi yendlu kaYehova: nanko, ekungeneni etempileni kaYehova, phakathi kwevaranda nesibingelelo, kukho amadoda angathi angamashumi amabini anamahlanu, eyinikele umva itempile kaYehova, ubuso bawo bubheke empumalanga; aqubuda kwilanga, ebheke empumalanga.
17
Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Kuncinane na kwindlu kaYuda ukuwenza la masikizi bawenzayo apha, ukuba ke balizalise ilizwe nangogonyamelo, babuye bandiqumbise? Nabo, besisa isebe lomdiliya emathatheni abo.
18
Nam ndiya kwenza ngobushushu; aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; nokuba badanduluke ezindlebeni zam ngezwi elikhulu, andiyi kubeva.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48