bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Leviticus 1
Leviticus 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 2 →
1
*UNdikhoyo wabiza uMosis, wathetha naye *esesibingelelweni, wathi
2
makathethe namaSirayeli athi: “Xa umntu esenza umnikelo kuNdikhoyo makawenze ngento efuyiweyo, nokuba yinkomo, nokuba yimpahla emfutshane.
3
Xa anikela ngenkomo, esenza idini elitshiswayo, mayibe yinkunzi engenaso nasinye isiphako. Makayise esangweni lesibingelelo, khon' ukuze uNdikhoyo amamkele.
4
Loo mntu ke uya kubeka isandla sakhe entloko kuloo nkomo, yaye ke iya kwamkeleka ibe lidini lokumcamagushela.
5
Loo nkunzi iya kuxhelelwa apho phambi kukaNdikhoyo, baze ababingeleli bomlibo ka-Aron balisondeze kuNdikhoyo igazi layo, babuye batshize ngalo amacala onke eqonga lamadini elisekungeneni kwesibingelelo.
6
Loo mntu uya kubuya ayihlinze inkomo leyo, ayihlahle,
7
baze bona ababingeleli baphembe umlilo eqongeni, babekelele iinkuni phezu kwawo.
8
Baya kuthatha iinyama ezo, kunye nentloko, kwakunye namanqatha, bazibeke emlilweni apho.
9
Umntu lowo yena makahlambe izibilini namanqina enkomo leyo, aze yena umbingeleli alitshise lonke elo dini phezu kweqonga. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.
10
“Ukuba into ekwenziwa umnikelo ngayo yigusha okanye yibhokhwe, mayibe liduna elingenasiphako.
11
Leyo makayixhelele kwicala elingasentla leqonga phambi kukaNdikhoyo, baze oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi kumacala onke eqonga.
12
Yakuba ihlahliwe, umbingeleli wozibeka emlilweni oseqongeni zonke ezo nyama, ndawonye nentloko kunye namanqatha.
13
Umntu onikelayo yena uya kuhlamba izibilini kwakunye namanqina elo dini, aze yena umbingeleli alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.
14
“Ukuba yintaka ekwenziwa ngayo idini elitshiswayo, mayibe lihobe okanye ivukuthu.
15
Umbingeleli wolisondeza eqongeni, aliqhawule intamo, alitshise apho eqongeni. Igazi lona uya kulophisela apho ecaleni leqonga.
16
Wolikhupha indlelo, ayilahle kunye neentsiba kwicala elingasempumalanga kweqonga, apho kulahlwa khona uthuthu,
17
andule ukulibamba ngamaphiko, aliqhaqhe, kodwa angalikrazuli kubini; athi emva koko alitshise lonke apho eqongeni. Eli lidini elitshiswayo. Litshiswa ngomlilo, litsho ngevumba elithandekayo kuNdikhoyo.”
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27