bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Leviticus 24
Leviticus 24
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 25 →
1
*UNdikhoyo wathi kuMosis:
2
“Gqithisela lo myalelo kumaSirayeli, uthi kufuneka azise ioyile yomnquma ecwengileyo, ize isetyenziswe kwizibane *zesibingelelo ekufuneka zisoloko zivutha.
3
Yonke imihla ukutshona kwelanga kufuneka uAron azikhanyise zivuthe kude kuse phaya phambi komkhusane welona gumbi lingcwele, elo linetyesi enobungqina bomnqophiso. Lo mmiselo kufuneka ugcinwe rhoqo nakwixesha elizayo.
4
UAron kufuneka azinonelele izibane ezikwisiphatho esenziwe ngegolide ecwengileyo, zihlale zivutha qho ngaphambi koNdikhoyo.”
5
“Kufuneka kwenziwe izonka ezilishumi elinambini ngomgubo ocoliweyo wengqolowa obunzima buziikhilogram ezilishumi elinambini.
6
Ezo zonka mazidweliswe ngemiqolo emibini, zibe zithandathu kumqolo ngamnye, zibekwe phezu kwetafile eqatywe ngegolide ecwengileyo emi phambi *koNdikhoyo.
7
Makubekwe iinkozo zesiqhumiso kuludwe ngalunye zibe ngumnikelo wokutya okunikelwa kuNdikhoyo endaweni yezonka.
8
Ezi zonka kufuneka zibekwe phambi koNdikhoyo qho *ngeMihla yokuPhumla. Kufuneka awenze rhoqo amaSirayeli lo mmiselo nakumaxesha azayo.
9
Ezi zonka ziya kuba zezika-Aron noonyana bakhe. Kufuneka bazityele endaweni eyodwa, kuba kaloku sisabelo sababingeleli esithathwe kwiminikelo enikelwa kuNdikhoyo ngomlilo.”
10
Kwakukho mfo uthile oyise wayengumJiputa, unina yena engumSirayeli ogama lalinguShelomiti owayeyintombi kaDibri wesizwe sakwaDan. Lo mfo ke waxabana nomSirayeli. Emsindweni wakhe wanyelisa *noNdikhoyo ngesithuko, waza ke wasiwa kuMosis,
12
wagcinwa ngabalindi, kwaza kwalindelwa kuNdikhoyo ukuba avakalise ebantwini into emayenziwe ngaloo mfo.
13
Wathi uNdikhoyo kuMosis:
14
“Yikhuphele ngaphandle komzi laa ndoda, aze wonke ubani oyivileyo inyelisa abeke isandla sakhe entloko yayo. Emva koko ke umnyelisi lo makaxulutywe ngamatye libandla liphela, ade afe.
15
Uze ke uwaxelele amaSirayeli, uthi: ‘Nabani na onyelisa uThixo uya kuyaleka,
16
kuba uya kubulawa. Wonke ubani onyelisa uNdikhoyo, nokuba ngumSirayeli, nokuba ngumntu wasemzini omi kwaSirayeli, kufuneka axulutywe ngamatye libandla liphela.’
17
“Wonke ubani obulala omnye umntu kufuneka abulawe naye.
18
Umntu obulele imfuyo yomnye umntu kufuneka ayivuse.
19
“Umntu owenzakalisa omnye umntu, nokuba umenza ntoni na, naye uya kwenziwa kwaloo nto.
20
Ukuba umaphule ithambo, naye uya kwaphulwa ithambo. Ukuba umtyhaphaze iliso, naye uya kutyhatshazwa iliso. Ukuba umaphule izinyo, nelakhe izinyo lokwaphulwa. Nokuba umenzakalisa njani na omnye umntu, naye uya kwenziwa kwaloo nto ayenze komnye.
21
Umntu obulele imfuyo yomnye kufuneka ayivuse. Kodwa umntu obulala omnye umntu kufuneka abulawe naye.
22
Le miyalelo iniquka nonke, nditsho umSirayeli nomntu wasemzini ophakathi kwamaSirayeli. Kaloku ndim uNdikhoyo uThixo wenu.”
23
Akuba enjenjalo ke uMosis, amaSirayeli amkhuphela ngaphandle komzi umnyelisi lowo, amxuluba ngamatye wada wafa. Enjenjalo ke amaSirayeli ethobela uNdikhoyo ngokomlomo kaMosis.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27