bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Leviticus 21
Leviticus 21
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 22 →
1
*UNdikhoyo wathi uMosis makayale ababingeleli bomlibo ka-Aron, athi: “Maze kungabikho mbingeleli uzingcolisa ngokusondela kwizidumbu zezizalwana,
2
ngele kokuba loo mntu ubhubhileyo ngunina okanye nguyise, nokuba ngunyana wakhe okanye intombi yakhe, umntakwabo
3
okanye udade wabo ongendanga ohlala naye.
4
Aze angazingcolisi ngezidumbu zezalamane zakhe ngomtshato.
5
“Makungabikho mbingeleli ucheba intloko, okanye aphungule iindevu, okanye avambe enze neentlanga emzimbeni, ebonakalisa ukuba uzilile.
6
Yena makazahlulele uThixo wakhe, angalihlazisi igama loThixo wakhe. Nguye lo mbingeleli kaloku umenzela amadini ngomlilo uNdikhoyo; makahluke ke.
7
Umbingeleli akayi kuyitshata intombi eyoniweyo, okanye ebilihenyukazi, okanye umfazi oqhawule umtshato, kuba kaloku yena wahlulelwe uThixo.
8
Mhloneleni kuba engumntu owahlukileyo; kuba kaloku yena unikela amadini kuThixo wenu. Kaloku ndinguNdikhoyo, ndaye mna ndahlukile, ndibahlulela mna abantu bam.
9
Xa intombi yombingeleli ithe yazingcolisa ngokuba lihenyukazi, ihlazisa uyise; kufuneka itshiswe ide ife.
10
“Umbingeleli omkhulu, lowo uthanjiswe ngokugalelwa ioyile yomnquma entloko waza wamiselwa ukunxiba izivatho zobubingeleli, kufuneka angaziyeki zibe dlakadlaka iinwele zakhe, okanye akrazule izambatho zakhe ebonisa ukuzila akwenzayo.
11
Makangangeni kwindawo enesidumbu, angazingcolisi, nditsho nokuba lo ungasekhoyo nguyise nokuba ngunina.
12
Makangaphumi *esibingelelweni sikaThixo wakhe okanye asixabhele, kuba wahlulelwe uThixo wakhe ngokuthanjiswa ngamafutha. Ndim uNdikhoyo.
13
Makatshate intombi epheleleyo,
14
ingabi ngumfazi ongumhlolokazi, okanye oqhawule umtshato, okanye owayehambisana namanye amadoda. Mayibe yintombi epheleleyo yamawabo.
15
Ngokwenjenjalo inzala yakhe ayikuba nazothe ebantwini bakhe. Kaloku ndinguNdikhoyo, yaye ndim ozahlulele yena ndamenza umbingeleli omkhulu.”
16
Wathi uNdikhoyo uMosis
17
makayalele uAron, athi: “Maze kungabikho namnye kwinzala yakho onesiphako emzimbeni oya kusondeza umnikelo kuThixo. Loo nto iya kuhlala injalo lonke ixesha.
18
Makungabikho mntu unesiphako oya kusondeza iminikelo: makungabikho mfama, siqhwala, mntu ulimeleyo okanye usisilima,
19
namntu wome isandla okanye unyawo,
20
nokuba sisifombo, okanye unqaphele, nokuba unesifo samehlo okanye solusu, okanye etyumke ubudoda.
21
Akukho mntwana ka-Aron unesiphako uya kusondeza iminikelo eyenziwe ngomlilo kum Ndikhoyo. Kaloku unesiphako; makangasondeli anikele kuThixo wakhe.
22
Umntu onjalo angadla kambe kukutya okwahlulelwe mna, nditsho kanye nokuya kokona kukokwam,
23
kodwa ngenxa yesiphako anaso akufuneki asondele emkhusaneni okanye aye eqongeni. Akufuneki azixabhele ezi zinto zahlulelwe mna; kaloku ndinguNdikhoyo, ndim ozahlulelele zona.”
24
Nantso ke into eyaxelelwa uAron noonyana bakhe kwakunye namaSirayeli ephela nguMosis.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27