bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Leviticus 2
Leviticus 2
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 3 →
1
“Xa kukho umntu onikela ukutya *kuNdikhoyo, makube ngumgubo. Makawudibanise namafutha omnquma, aze agalele intlaka yesiqhumiso,
2
awunikezele kubabingeleli bomlibo ka-Aron. Umbingeleli uya kukha kangangesandla kuloo mgubo, udityaniswe namafutha, aze athathe yonke intlaka yesiqhumiso, azitshise apho eqongeni, oku kube ngumqondiso wokuba yonke loo nto ngumnikelo kuNdikhoyo. Ivumba laloo mnikelo womlilo liyathandeka kuNdikhoyo.
3
Okushiyekileyo ke koko kutya kuya kuba koka-Aron noonyana bakhe. Kukutya okukodwa ke oku; kaloku kuthathwe kukutya okunikelwe kuNdikhoyo ngomlilo.
4
“Ukuba umnikelo wenziwa ngesonka sombhako, masibe sisonka somgubo, singabi nagwele. Kungaba sisonka esikhulu esenziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma, okanye kube ngamaqebengwana aqatywe ngaloo mafutha.
5
“Ukuba umnikelo wenziwa ngesonka esojiwe ngepani, masibe sesomgubo oxutywe namafutha omnquma, kodwa singabi nagwele.
6
Masiqhekezwe eso sonka, sigalelwe amafutha. Ngumnikelo wokutya ke lowo.
7
“Ukuba umnikelo wenziwa ngesonka esiphekiweyo, masibe sesomgubo oxutywe namafutha omnquma.
8
“Umnikelo wokutya mawusondezwe kuNdikhoyo, unikwe umbingeleli, awuse eqongeni.
9
Uya kwandula umbingeleli ukuthatha intwana engumqondiso wokuba unikelwa kuNdikhoyo, ayitshise apho eqongeni. Lo ngumnikelo womlilo. Ivumba ledini lomlilo liyathandeka kuNdikhoyo.
10
Okuseleyo kuloo mnikelo kokuka-Aron noonyana bakhe; kaloku kukutya okukodwa, kuba kuthathwe kukutya okunikelwe kuNdikhoyo ngomlilo.
11
“Konke ukutya okunikelwa kuNdikhoyo makungabi nagwele. Ungaze ufake igwele okanye ubusi kukutya okunikelwa kuNdikhoyo ngomlilo.
12
Umnikelo wolibo lwesivuno sengqolowa ungásondezwa kuNdikhoyo yonke iminyaka, phofu ungàtshiswa eqongeni ngenjongo yokwenza ivumba elimyoli.
13
Ityiwa mayigalelwe kuwo wonke umnikelo wokutya, kuba kaloku ityiwa yalatha umnqophiso ophakathi kwenu noThixo. Ke ngoko yonke iminikelo mayigalelwe ityiwa.
14
Xa usondeza umnikelo wolibo lwesivuno sengqolowa yiza nomgrayo wengqolowa ogcadiweyo, okanye ingqolowa engqushiweyo.
15
Dibanisa amafutha omnquma, ugalele intlaka yesiqhumiso.
16
Umbingeleli woyitshisa inxalenye yomgubo namafutha kwakunye nentlaka leyo iyonke, oku kube ngumqondiso wokuba yonke loo nto ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo.”
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27