bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Leviticus 18
Leviticus 18
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 19 →
1
*UNdikhoyo wayalela uMosis
2
ukuba axelele amaSirayeli athi: “Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.
3
Sanukulandela imikhwa yabantu baseJiputa, apho benifudula nihlala khona, okanye eyabantu baseKanana, apho ndinisa khona ngoku.
4
Yithobeleni imithetho yam, nenze oko ndiniyalela kona. Ewe, ndim Ndikhoyo uThixo wenu.
5
Nize nihambe ngemimiselo nangemithetho endiza kuniwisela yona; xa niyithobela niya kuphila ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.”
6
UNdikhoyo ke wawisa le mithetho: “Makungabikho ndoda ihlangana nomntu ezalana naye.
7
Uze ungamhlazisi uyihlo ngokuhlangana nonyoko; linyala ukuhlangana nonyoko.
8
Uze ungahlazisi uyihlo ngokuhlangana naye nawuphi na kubafazi bakhe.
9
Ungaze uhlangane nodade wenu, nokuba yintombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, nditsho nokuba ingakhulelanga kowenu.
10
Ungaze uhlangane nomzukulwana wakho; linyala elo.
11
Ungaze uhlangane nentombi yeqadi; ngudade wenu lowo.
12
Ungaze uhlangane nodade boyihlo
13
okanye unyokokazi.
14
Ungaze uhlangane nomka-yihlo-mncinci okanye kanyokolume.
15
Ungaze uhlangane nomolokazana wakho,
16
okanye umka-mntakwenu.
17
Ungaze uhlangane nentombi okanye umzukulwana womfazi owakha wahlangana naye; kaloku bayazalana naye. Into enjalo yintlondi.
18
Ungaze umenze umkakho udade bomkakho lo gama asaphilayo umkakho.
19
“Ungaze uhlangane nomfazi osexesheni, kuba ùya kuxabheleka ngokwenjenjalo.
20
Ungaze uhlangane nomfazi wenye indoda, kuba linyala loo nto.
21
Unganikezeli namnye umntwana wakho abe yinto yokwenzela *uMoleki idini, kuba loo nto inyelisa igama loThixo wakho. Nditsho mna Ndikhoyo.
22
Indoda mayingahlangani nenye indoda iyenze umfazi, kuba lisikizi elo.
23
Makungabikho ndoda okanye umfazi ohlangana nesilwanyana; loo ntlondi ilisikizi.
24
Ze ningazingcolisi ngezi ntlondi, kuba iintlanga zazixabhela ngenxa yezi zinto. Nditsho iintlanga ezazimi kulo mhlaba, ezi ngoku mna Ndikhoyo ndizikhuphayo kuwo ukuze kuhlale nina.
25
Iintlondi zazo zada zaxabhela nomhlaba lo, ngoku ke ndiwenze ukuba ubabukule abantu ababewumile.
26
Bawenza la manyala onke, baza balingcolisa elo zwe; ke nina maze niwatyeshele. Nditsho kuni nonke, maSirayeli kunye nabangeneleli, kufuneka le miyalelo yam niyigcine,
28
khon' ukuze ningawuxabheli loo mhlaba ude unibukule njengoko wazibukulayo iintlanga ebezihlala kuwo ngaphambi kwenu.
29
Yazini ukuba uyasikwa ebantwini bakaNdikhoyo nabani na owenza la masikizi.”
30
“Thobelani imiyalelo yam,” utsho uNdikhoyo, “ningalinganisi imikhwa yabantu ababehlala apha ngaphambi kwenu. Ze ningazixabheli ngokwenza la manyala. Kutsho mna kaloku, Ndikhoyo, uThixo wenu.”
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27