bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Leviticus 4
Leviticus 4
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 5 →
1
*UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba
2
makabhekise kumaSirayeli lo mlomo uthi xa kukho bani wonileyo, waphula imimiselo kaNdikhoyo engenzi ngabom, kufuneka alandele le miyalelo.
3
Xa ingumbingeleli othanjisiweyo lowo wenze isono, aze ngokwenjenjalo azisele abantu ityala, yena uya kunikela ngethole lenkunzi yenkomo elingenasiphako, enze ngalo idini lokungxengxezela isono sakhe kuNdikhoyo.
4
Loo nkunzi uya kuyisa ngasekungeneni *kwesibingelelo, ayibeke isandla entloko, aze ayihlabele apho phambi koNdikhoyo,
5
aze ke kwayena athathe igazi layo, angene nalo esibingelelweni.
6
Akuba ethe nkxu umnwe egazini, uya kutshiza ngalo kasixhenxe apho ngaphambi koNdikhoyo nganeno komkhusane wegumbi eliyingcwele kangcwele,
7
andule ukutyikila ngenxalenye yegazi elo iimpondo ezikwiikona zeqonga lesiqhumiso elilapho kwigumbi eliyingcwele, aliphalaze igazi eliseleyo emazantsi eqonga lamadini atshiswayo elisekungeneni kwesibingelelo.
8
Wothi ke athathe onke amanqatha enyama yangaphakathi yale nkunzi,
9
izintso namanqatha azo, kunye nomhlehlo,
10
kanye njengoko enzayo ngamanqatha edini lobudlelane. Loo manqatha uya kuwatshisa kwelaa qonga lamadini atshiswayo.
11
Kodwa sona isikhumba nayo yonke inyama, intloko namanqina, nezibilini kwakunye namathumbu, oko kukuthi yonke inyama enganikelwanga kuNdikhoyo,
12
uya kuyikhuphela ngaphandle kwelali, azise kulaa ndawo ikhethekileyo apho kulahlwa khona uthuthu, azitshisele apho ngomlilo weenkuni.
13
Xa kone ibandla lakwaSirayeli liphela, lize ke libe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo lingaqondanga,
14
kuya kuthi nje ukuba sazeke eso sono, kufuneke umzi uze nethole lenkunzi yenkomo yedini lokungxengxeza. Loo nkomo iya kuqhutyelwa esibingelelweni,
15
apho ziya kuthi phambi koNdikhoyo iinkokheli zomzi ziyibeke izandla entloko, ize ihlatywe.
16
Umbingeleli othanjisiweyo uya kuthatha inxenye yelo gazi, angene nalo ngaphakathi esibingelelweni,
17
athi nkxu umnwe kulo, aze atshize ngalo kasixhenxe phambi koNdikhoyo nganeno komkhusane wegumbi eliyingcwele kangcwele.
18
Elinye igazi wolityikila kwiimpondo ezikwiikona zeqonga lesiqhumiso elingaphakathi kwegumbi eliyingcwele, aze aliphalaze eliseleyo emazantsi eqonga lamadini atshiswayo elingasekungeneni kwesibingelelo.
19
Uya kwandula ke asuse onke amanqatha, awatshise eqongeni apho.
20
Ngale nkomo uya kwenza kanye ngalaa ndlela adla ngokwenza ngayo ngenkomo yedini lokungxengxezela izono. Yiyo ke le indlela umbingeleli enza ngayo idini lokucamagushela izono zabantu, yaye bozixolelwa.
21
Andule ke ukuyikhuphela ngaphandle kwelali loo nyama, aye kuyitshisa kanye ngalaa ndlela atshisa ngayo eyokucamagushela ezakhe izono. Lilo ke elo idini lokucamagushela ibandla.
22
Xa kone umntu oyinkokheli, aphule ummiselo kaNdikhoyo uThixo engaqondanga,
23
kuya kuthi nje ukuba ayiqonde into ayenzileyo, kufuneke eze nenkunzi yebhokhwe engenasiphako.
24
Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele phambi koNdikhoyo kuloo ndawo kwenzelwa kuyo amadini atshisayo. Eli lidini lokucamagushela isono.
25
Umbingeleli wofaka umnwe egazini lebhokhwe leyo, alityikile kwiimpondo ezisezikoneni zeqonga, aze eliseleyo aliphalaze emazantsi eqonga,
26
aze awatshisele apho eqongeni onke amanqatha, kanye njengoko esenza ngawamadini obudlelane. Wokwenjenjalo ke umbingeleli ukunikela idini lokucamagushela umntu oyinkokheli, aze axolelwe isono sakhe.
27
Xa kone umntu nje, abe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo engaqondanga,
28
kuya kuthi nje ukuba asiqonde isono sakhe, kufuneke eze nemazi yebhokhwe engenasiphako, ukuze angxengxezele isono sakhe.
29
Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo.
30
Umbingeleli wothi nkxu umnwe wakhe egazini layo, alityikile kwiimpondo ezikwiikona zeqonga, aze elinye aliphalaze emazantsi eqonga apho,
31
andule ke athathe onke amanqatha, kanye ngalaa ndlela enza ngayo kumadini obudlelane, aze awatshise apho eqongeni, abe livumba elimnandi kuNdikhoyo. Wenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela umntu idini, aze axolelwe izono zakhe.
32
Ukuba kukho umntu ozisa igusha ukuza kwenza idini, mayibe yimazi engenasiphako.
33
Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele apho kuxhelelwa khona izinto zokwenza amadini atshiswayo.
34
Umbingeleli wothi nkxu umnwe wakhe kwelo gazi layo, alityikile kwiimpondo ezisezikoneni zeqonga, eliseleyo aliphalaze apho emazantsi eqonga,
35
andule athathe onke amanqatha, kanye njengoko esenza kumadini obudlelane, aze awatshise apho eqongeni kunye nokutya okunikelwa kuNdikhoyo ngomlilo. Wenjenjalo ke umbingeleli xa esenzela umntu idini, khon' ukuze loo mntu axolelwe izono zakhe.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27