bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Leviticus 22
Leviticus 22
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 23 →
1
*UNdikhoyo wathi kuMosis:
2
“Xelela uAron noonyana bakhe ukuba maze bayiphathe ngembeko iminikelo eyodwa eyahlulelwe mna ngamaSirayeli, bangalihlazisi igama lam elingcwele; kaloku mna ndinguNdikhoyo.
3
Xa kuthe kwakho omnye kumlibo wenu othe lo gama *anomlaza wachukumisa iminikelo eyodwa eyahlulelwe mna ngamaSirayeli, kufuneka loo mntu angaze abuye alungiselele phambi kwam. Lo myalelo mawuhlale unjalo ngalo lonke ixesha. Kutsho mna Ndikhoyo.
4
“Makungabikho namnye kwinzala ka-Aron othe, lo gama anesifo esisulelayo solusu okanye evuza ubovu, atye kwiminikelo eyahlulelwe mna de abe uhlanjululwe umlaza. Umbingeleli nawuphi na uba nomlaza xa athe wachukumisa nantoni na ethe yagudlana nesidumbu, okanye yena uzingcolise ngokuzichamela ngobudoda,
5
okanye uchukumise umntu nokuba sisilwanyana esinomlaza.
6
Loo mbingeleli uba nomlaza kude kutshone ilanga. Kanti ke akakabi nakutya nakuwuphi na kule minikelo iyodwa de abe uwuhlambile umzimba.
7
Lakuba ilanga litshonile uyahlambuluka; angandula ke ukutya kwiminikelo eyahlulelwe mna. Kukutya kwakhe oko kaloku.
8
Akufuneki ayitye inyama yento efileyo okanye ebulewe ngamarhamncwa. Yomenza umlaza loo nto. Kutsho mna Ndikhoyo.
9
“Bonke ababingeleli kufuneka baqhube ngale migaqo ndiyimisileyo. Kungenjalo boba netyala, baze bafe ngenxa yokudelela le miyalelo iyodwa. NdinguNdikhoyo kaloku, ndim ozahlulela bona.
10
“Kuphela ngumntu ophuma kumlibo wababingeleli onako ukutya kwiminikelo eyodwa. Akukho mntu wumbi unako ukutya, nditsho nkqu nohambele umbingeleli, nkqu nomntu osisicaka esiqeshiweyo ngumbingeleli.
11
Kanti ke wona amakhoboka awathengileyo, okanye azalelwe kwakhe, angakutya ukutya okufunyanwa ngumbingeleli.
12
Intombi yombingeleli eyendele kumntu ongenguye umbingeleli, nayo ayinakuba sakutya oko kutya.
13
Kanti ke yona intombi engumhlolokazi okanye ebuya ekwendeni ingenabantwana, ize kuhlala kowayo, ixhomekeke kuyise, ingakutya ukutya okuza noyise ongumbingeleli. Ngumntu onelungelo kuphela onako ukutya oko kutya.
14
“Xa kukho umntu ongenguye owomzi wombingeleli othe watya koku kutya kwababingeleli ngempazamo, kufuneka loo mntu ambuyisele umbingeleli ngokuzeleyo, ongeze ngomdliwo ngaphezulu. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.)
15
Ababingeleli oku kutya kunikelwe kuNdikhoyo ngamaSirayeli maze bangakuxabheli
16
ngokukunika abantu abangenalo ilungelo lokukutya. Loo nto kaloku imenzela ityala loo mntu, imzisele nesohlwayo. NdinguNdikhoyo kaloku; ndim ozahlulele ababingeleli.”
17
*UNdikhoyo wathi uMosis maze
18
athethe noAron noonyana bakhe nakumaSirayeli ephela, athi: “Xa umSirayeli, okanye umntu wasemzini ohlala kwaSirayeli, esondeza kuNdikhoyo idini elitshiswayo, nokuba lelesithembiso asenzileyo, okanye lingumnikelo awenza eqhutywa yintliziyo,
19
loo nto yokuxhelelwa idini kufuneka ingabi nasiphako. Ukuze loo nkomo, gusha okanye bhokhwe yokwenza idini yamkeleke, kufuneka ibe liduna, ingabi nasiphako.
20
Xa loo nto ithe yanesiphako, ayikwamkeleka.
21
Xa umntu esondeza kuNdikhoyo idini lobudlelane, ezalisekisa isithembiso asenzileyo, okanye lingumnikelo awenza eqhutywa yintliziyo, kufuneka loo nto yokuxhelelwa idini ingabi nasiphako, ukuze yamkeleke.
22
Ningaze ninikele kuNdikhoyo ngento etyhaphakileyo, okanye eqhwalelayo, okanye eyenzakeleyo, nokuba yenesilonda esibhidlayo, okanye amaqhakuva. Into enjalo ningaze niyisondeze eqongeni nenze ngayo idini elitshiswayo.
23
Umntu owenza idini ngokuqhutywa yintliziyo anganikela ngenkomo okanye igusha engakhulanga okanye engamilanga kakuhle, kodwa ayinakwamkeleka xa ngaba uyinikela ukuzalisekisa isithembiso asenzileyo.
24
Into emasende enzakeleyo nakanjani na ze ningamenzeli ngayo idini uNdikhoyo. Loo nto ayivumelekanga apha kweli lakowethu ilizwe.
25
Kwaye ningaze nenzele uNdikhoyo idini elityiwayo ngento elolu hlobo efunyenwe kumntu welinye ilizwe. Izinto ezinjalo zithathwa njengezinto ezinesiphako; azamkeleki.”
26
UNdikhoyo wathi kuMosis:
27
“Xa kuzelwe ithole nokuba litakane legusha nokuba lelebhokhwe, malingathathwa kunina kude kube ziintsuku ezisixhenxe; emva koko ke lamkelekile, kungenziwa idini ngalo ngomlilo.
28
Ningalenzi idini ngemazi yenkomo kunye nethole layo ngemini enye, nditsho negusha kunye netakane layo, nkqu nebhokhwe netakane layo.
29
Xa nenzela uNdikhoyo idini lombulelo ze nilenze ngohlobo lokuba lamkeleke;
30
ze nilitye liphele kwangaloo mini, ningashiyeli ingomso. Kutsho mna Ndikhoyo.
31
“Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo.
32
Ze ningalihlazisi igama lam elahlukileyo. AmaSirayeli ephela kufuneka aqonde ukuba mna ndahlukile. Kaloku ndinguNdikhoyo; ndim ozahlulela nina ukuze nibe ngcwele.
33
Kaloku ndanikhupha eJiputa, ukuze ndibe nguThixo wenu. Kutsho mna Ndikhoyo.”
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27