bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Revelation 1
Revelation 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 2 →
1
Nasi isityhilelo esaboniswa uYesu Krestu nguThixo. Wasiboniswa khon' ukuze yena abonise izicaka zakhe izinto eziza kuhla kamsinya. Esi sityhilelo uYesu wasithumela ngesithunywa sezulu kwisicaka sakhe uYohane.
2
Yena ke uYohane wayibhala wayixela yonke into awayibonayo. Ngoku ke uchaza udaba lukaThixo olo walutyhilelwa nguYesu Krestu.
3
Unoyolo kambe umntu owafundayo amazwi olu daba, benoyolo nâbo bawaphulaphula bawathathele ingqalelo. Kaloku ixesha lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.
4
Mna Yohane ndibhalela amabandla asixhenxe akwiphondo laseAsiya, ndisithi: Kuwo makube sisisa noxolo oluvela kuNdikhoyo, lowo wayekho, oya kusoloko ekho; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwakhe ebhotwe;
5
ngokunjalo nakuYesu Krestu, olingqina elithembekileyo, inkulu yâbo bavuka bebefile, nomlawuli wezikumkani zehlabathi. Kaloku yena lowo usithandayo, ngokuphalala kwegazi lakhe, usikhulule ezonweni zethu.
6
Ewe, yena usenze ababingeleli basebhotwe ukuze sikhonze uThixo uYise. Mabube kuye ke ubungangamsha nolawulo nanini-nanini! *Amen.
7
Khawukhangele, nanko esiza ekhatshwa ngamafu! Lonke uluntu luya kumbona, nkqu nabo bâmhlabáyo. Ewe, zonke izizwe ziya kungqukruleka zizisola. Injalo ke loo nto! Amen.
8
“Ndim isiqalo nesiphelo,” itsho iNkosi uThixo, uSomandla, uNdikhoyo, owayekho, lowo uya kusoloko ekho.
9
NdinguYohane umwenu onenxaxheba ebunzimeni, kunyamezelo, nasekulawulweni – zinto ezo zisibandakanyayo thina bamanyiweyo noYesu. Ke kaloku ndazibona sendisesiqithini sePatimo ngenxa yokushumayela ilizwi likaThixo nokungqina ngoYesu.
10
Kwathi ngomhla weCawe ndaba semandleni kaMoya, ndaza ndeva ilizwi lihlokoma ngathi lixilongo emva kwam.
11
Lenjenje ukuthetha: “Ezi zinto uzibonayo zibhale encwadini, uzithumele kula mabandla osixhenxe: e-Efese, eSmirna, ePergamo, eTiyatire, eSardes, eFiladelfiya, naseLawodike.”
12
Ndakhangela ngasemva, ndifuna ukuqonda ukuba ngaba lalilelikabani na eli lizwi ndandiliva lithetha nam. Ndithe ndakubheka, ndabona kumi izibane ezisixhenxe zegolide.
13
Phakathi kwazo kwakukho into engathi ngumntu, itsho ngezivatho ezaziye kuthi xhaxhe ezinyaweni, ithe thande ibhanti yegolide esifubeni.
14
Iinwele zayo zazimhlophe okwekhephu, itsho ngamehlo abukhali, alenya okwamadangatye omlilo.
15
Yayineenyawo ezibengezela okobhedu olugudisiweyo, ilizwi layo livakala ngathi sisandi samanzi engxangxasi.
16
Yayiphethe iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesandla sokunene, emlonyeni kuphuma ikrele elibukhali, libazwe macala, ubuso bayo buqaqamba njengelanga mhla ligqats' ubhobhoyi.
17
Ndithe ke ndakumbona, ndajuba ezinyaweni zakhe, ndanjengofileyo. Ke yena wasibeka phezu kwam isandla sakhe sokunene, wathi: “Musa ukoyika. Mna ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela.
18
Ndingohleliyo. Ndandifile. Kodwa khangela ndim lo ndikho, kuya kude kube nini-nini. Ukufa ndiyakulawula; kwanelabafileyo ndiyalilawula.
19
Ngoko ke zibhale ezo zinto uzibone zisenzeka, kwanezo zenzekayo, neziya kuhla.
20
Nantsi ke ingcaciso yento ethethwa ziinkwenkwezi ezisixhenxe ezisesandleni sam sokunene, kwanezibane ezisixhenxe zegolide: Iinkwenkwezi ezisixhenxe ngabameli bamabandla asixhenxe. Izibane ezisixhenxe zona ngamabandla lawo.”
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22