bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Revelation 22
Revelation 22
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
1
Isithunywa eso sandibonisa umlambo onamanzi obomi ebengezela okweglasi. Ayempompoza evela kwibhotwe likaThixo kunye neXhwane.
2
La manzi ayesihla phakathi kwisitalato sesixeko eso. Lo mlambo wawuphahlwe ngumthi wobomi. Lo mthi uvelisa iziqhamo ngazo zonke iinyanga zonyaka. Amagqabi alo mthi ayimpilo yezizwe.
3
Nayiphi na into eqalekisiweyo ayisayi kubakho apho. Into ekhoyo apho libhotwe likaThixo kunye neXhwane. Izicaka zakhe ziya kuphithizela zimkhonza.
4
Ziya kujongana naye ebusweni, zinegama lakhe ebunzi.
5
Akusayi kubakho busuku khona; kungasayi kubakho mfuneko yasibane nalanga. Kaloku iNkosi uThixo uya kuzikhanyisela. Ziya kuxhamla ulawulo ngonaphakade kanaphakade.
6
Kananjalo sathi kum: “La mazwi ayinyaniso, athembekile. INkosi uThixo obaxhobisayo ngefuthe loMoya abavakalisi belizwi, wathumela isithunywa sakhe ukuze sibonise izicaka zakhe izinto eziza kwenzeka kamsinya.”
7
“Uyabona ke, ndiyeza ngokukhawuleza! Unoyolo umntu owathobelayo amazwi odaba lwale ncwadi!”
8
Ndim mna Yohane ozivileyo wazibona ezi zinto. Ndakuba ndizivile ndazibona ezi zinto, ndawa ezinyaweni zesithunywa eso sandibonisayo, ndikhahlela.
9
Kodwa sakhalima sathi: “Hayi bo! Sukwenjenjalo; kaloku nam ndisisicaka njengawe, ugxa wakho namawenu abavakalisi belizwi, nabo bonke abawathobelayo amazwi akule ncwadi. NguThixo ofanele ukumnqula wena.”
10
Saqhuba sathi: “Uze ungawafihli amazwi ale ncwadi; kaloku ithuba lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.
11
Ke yena umenzi wobubi makaqhubele phambili, ngokunjalo nongcolileyo makaqhubele phambili; nalowo ulungisayo makathathe unyawo, kanti ke nonyulu makahlale enjalo.
12
“Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!
13
Kaloku ndingu-A, ndikwangu-Z; ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela, ndikwasisiqalo nesiphelo.”
14
Banoyolo abo bazabalazela ukuba bahlale benyulu! Baya kuba nelungelo kuwo umthi wobomi; baya kungena ngamasango esixekweni.
15
Kambe ke ngaphandle zizinja, namagqwirha, abarheletyi, izigwinta, abanqula *izithixo, nabo bonke abathe phithi kukuxoka.
16
“Ndim mna Yesu osithumileyo isithunywa sam ukuba siye kushumayela ezi ndaba emabandleni. Ndingumnombo nomzukulwana kaDavide, ikhwezi lokusa.”
17
UMoya kunye nomtshakazi bathi: “Yiza” Wonke umntu ovayo makathi: “Yiza!” Wonke umntu onxaniweyo makeze. Makawasele amanzi obomi; asisisa kwabo bawafunayo.
18
Ndiyamlumkisa wonke umntu owevayo amazwi ale ncwadi: Ukuba ukhe wawongeza, uThixo uya kumhlisela zonke izibetho ezichaziweyo kule ncwadi.
19
Kanti ke ukuba ukhe wawaphungula, uThixo uya kumvimba inxaxheba kuwo umthi wobomi, angabi nalungelo nakuso isiXeko esiNgcwele – zinto ezo zichaziweyo kule ncwadi.
20
Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!” Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu!
21
Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22