bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Revelation 8
Revelation 8
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 9 →
1
Ke kaloku iXhwane laluqhaqha uphawu lwesixhenxe. Kwathi nzwanga ezulwini isithuba esingangecala leawara enye.
2
Emva koko ndabona izithunywa ezisixhenxe ezima phambi koThixo, zinikwa amaxilongo asixhenxe.
3
Esinye isithunywa esasiphethe isitya sokuqhumisa segolide seza kuma ngaseqongeni lesiqhumiso. Sanikwa isiqhumiso esininzi, ukuze sisinikele kunye nemithandazo yayo yonke imilowo phezu kweqonga legolide elaliphambi kwesihlalo sokulawula.
4
Umsi wenyukela kuThixo kunye nemithandazo yemilowo, isithunywa simenzela isiqhumiso.
5
Isithunywa ke sithathe isitya sesiqhumiso sasizalisa ngomlilo esasiwuthathe eqongeni apho, sasiphosa ezantsi emhlabeni. Ngoko nangoko kwabakho ukugqekreza kweendudumo nokutshawuza kombane, wanyikima umhlaba.
6
Izithunywa ezisixhenxe ezaziphethe amaxilongo asixhenxe, ngoku zalungela ukuwavuthela.
7
Salivuthela esokuqala isithunywa ixilongo laso. Kwawa isichotho nomlilo, zixutywe negazi. Satsha nqu isiqingatha sesithathu somhlaba. Isiqingatha sesithathu seendidi zonke zemithi, nalo lonke uhlobo lwengca lwatsha lwaphela.
8
Salivuthela ixilongo laso nesesibini isithunywa. Kwaba ngathi intabakazi enkulu iphoswe elwandle ivutha; sathi isiqingatha sesithathu solwandle saba ligazi.
9
Kwafa isiqingatha sesithathu sazo zonke iindidi zezinto ezihlala elwandle. Kwatshabalala isiqingatha sesithathu sazo zonke iinqanawa.
10
Nesesithathu salivuthela elaso ixilongo. Kwathi qithi into enkulu yenkwenkwezi ezulwini, ivutha ililahle. Yawela phezu kwesiqingatha sesithathu semilambo nemithombo.
11
Le nkwenkwezi kwakusithiwa ukubizwa kwayo nguKrakrayo. Saza ke isiqingatha sesithathu sawo onke amanzi saba krakra njengokrakrayo, kwafa inyambalala yabantu ngokuwasela.
12
Salivuthela nesesine isithunywa ixilongo laso. Kwabakho ukugqabhuka kwesiqingatha sesithathu selanga nenyanga neenkwenkwezi, isiqingatha sesithathu sazo asabi nakukhanya. Sathi ke nesiqingatha semini asabi nakukhanya, kwaba njalo nasebusuku.
13
Kuthe kusenjalo ndabona ukhozi luphaphazela phezu kwam. Ndaluva lukhala lusithi: “Yhoo! Yhoo! Yhoo, abantu bomhlaba! Yazi boba yini na zakuvakala izandi zamanye amaxilongo amathathu xa ziwavuthela izithunywa ezithathu!”
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22