bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Revelation 4
Revelation 4
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 5 →
1
Emva koko ndabona izulu livulekile phambi kwam. Ndeva eliya lizwi bendilive lithetha nam, lihlokoma okwexilongo lisithi kum: “Yiza ngapha ndikubonise izinto ezimelwe kukwenzeka emva kwezi.”
2
Ngoko nangoko ndaba semandleni kaMoya. Ndabona apho ezulwini kukho isihlalo sobukhosi.
3
Kwakuhleli kuso ingangalala ekhazimla okwamatye exabiso, akudidi loozidayimani ngokumenyezela, ekuthiwa yijaspa nekorneli ukubizwa kwawo. Isihlalo eso sasinesangqa somnyama owawubengezela nawo oku kwelitye lexabiso eliluhlaza ekuthiwa yiemeraldi ukubizwa kwalo.
4
Kwakukho nezinye izihlalo zithe thande, zingqonge isihlalo sobukhosi, zingamashumi mabini anesine; kukho namadoda amakhulu angamashumi mabini anesine awayethe nqwadalala kwezo zihlalo. Ayethe wambu ezimhlophe iingubo, ethwele izithsaba zegolide.
5
Apho esihlalweni sobukhosi kwakutshawuza imibane, kugragrama iindudumo. Kwakukho nezibane ezisixhenxe ezivuthayo phambi kwaso, ezingooMoya abasixhenxe bakaThixo.
6
Kwakukho nento eyayingathi lulwandle lweglasi, ithe thebelele apho ngasesihlalweni, icwenge ngathi ngumkhenkce. Esazulwini apho, kanye ngasesihlalweni, kwakuhleli izilwanyana ezine zinamehlo macala onke, zingqonge isihlalo eso kanye.
7
Isilwanyana sokuqala sasifana nengonyama. Esesibini sasinjengenkomo. Esesithathu sasifana nomntu, esesine sinjengokhozi luphaphazela.
8
Isilwanyana ngasinye sasinamaphiko amathandathu, sinamehlo ngapha nangapha. Zazidumisa zingayeki emini nasebusuku, zisithi: “Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele, Nkosi Thixo Somandla, wena ubukade ukho, wena ukhoyo, uya kuhlala ukho!”
9
Lo gama izilwanyana ezine zibongayo, zidumisa, zibulela kulowo unguSonini-nanini uhleli esihlalweni sokulawula,
10
wona amadoda amakhulu angamashumi amabini anesine ayekhahlela, enqula kulowo uhleli esihlalweni, unguSonini-nanini. Ayedanduluka, atsho azibeke nezithsaba zawo phambi kwengangalala, athi:
11
“Ufanelwe, Nkosi, Thixo, ngumbongo; imbeko negunya zezakho! Kaloku iinto zonke zadalwa nguwe; zabakho, zanobomi ngokuthanda kwakho.”
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22