bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Revelation 6
Revelation 6
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 7 →
1
Ndalibona ke iXhwane liqhaqha uphawu lokuqala lwaloo macandelo asixhenxe. Ngokunjalo ndasiva esinye sezilwanyana ezine sithetha ngelizwi elizongomayo, sisithi: “Yiz' apha!”
2
Kwaza kwathi gqi ihashe elimhlophe, ophezu kwalo ephethe utolo. Ke kaloku wathiwa jize ngesithsaba. Waphuma noloyiso, wahamba esenza iziqwenga, kuj' ubugodo konke apho ahamba khona.
3
Lithe iXhwane lakuqhaqha uphawu lwesibini, ndeva isilwanyana sesibini sisithi: “Yiz' apha!”
4
Kwathi gqi elinye ihashe, libomvu ngebala. Lowo wayephezu kwalo wanikwa ilungelo lokugxobha-gxobha inzolo ehlabathini liphela, khon' ukuze abantu bagebengane. Yena ke wanikwa ingxavula yekrele.
5
IXhwane lithe lisakuluqhaqha uphawu lwesithathu, ndeva isilwanyana sesithathu sisithi: “Yiz' apha!” Ndithe ndakukhangela ndabona ihashe elimnyama. Lowo wayekhwele kulo wayephethe isikali sokulinganisa, ngesandla.
6
Kananjalo ndeva isandi esingathi lilizwi, siphuma kweziya zilwanyana zine. Lathetha lathi: “Isitya sengqolowa singangomvuzo wemini enye; izitya ezithathu zamazimba zingangomvuzo wemini enye; kambe ke uze ungadlalisi ngawo amafutha ndawonye newayini.”
7
Kwakhona iXhwane laqhaqha uphawu lwesine, ndaza ndeva isilwanyana sesine sisithi: “Yiz' apha!”
8
Ndakukhangela ndabona elinye ihashe; lona lalimbatshile. Igama lalowo wayehleli phezu kwalo lalinguKufa, kanti ke ezinyaweni zakhe kwakulandela uLabafileyo. Banikwa amagunya phezu kwesiqingatha sesine sehlabathi, ukuze bageqe ngekrele, ngembalela, isibetho, nangamarhamncwa.
9
Ngokunjalo iXhwane laluqhaqha nolwesihlanu uphawu. Ngaphantsi kweqonga lamadini ndababona abo babebulewe ngenxa yokushumayela ilizwi likaThixo, nangenxa yokungqina.
10
Babhomboloza bathi: “Kakade ke, Nkosi, Somandla oyiNgcwele kanye, koda kube nini ungasiphindezeli ulibuyekeze igazi lethu elaphalazwa ngabantu beli hlabathi?”
11
Elowo nalowo kubo wathiwa wambu ngomnweba omhlophe. Ngokunjalo kwathiwa mabakhe balinde okwethutyana, bade baphelele abalingane namawabo asaza kubulawa kwanjengabo.
12
Ndalibona ke ngoku iXhwane liqhaqha uphawu lwesithandathu. Suka yazama-zamisa inyikima, ilanga lafaka ezokuzila lathi thsu, inyanga yona yajika yaligazi.
13
Iinkwenkwezi zona zavuthulukela emhlabeni, zaxel' amakhiwane egeqwa sisaqhwithi.
14
Sona isibhakabhaka saphel' emehlweni, kwaba ngathi kusongwa umqulu, zonke iintaba neziqithi zanqukrulwa.
15
Zasuka ke izikumkani zehlabathi, abasemagunyeni neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, oozityebi nezinxiba-mxhaka, nalo lonke uluntu, oozicaka nabakhululekileyo, baya kuzímela emiqolombeni nasemiqhokrweni ezintabeni.
16
Badanduluka bebhekisa ezintabeni nasemaweni, bathi: “Siweleni, ukuze sifihlakale kulowo uhleli esihlalweni sokulawula nakwingqumbo yeXhwane!
17
Ewe, kaloku iMini yabo yokuphindezela igalelekile. Yaz'ba ngubani na ke onokusinda kuyo?”
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22