bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Revelation 20
Revelation 20
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 21 →
1
Ndabona isithunywa sivela ezulwini sisiphethe ngesandla isitshixo senzonzobila. Sasiphethe nento enkulu yetyathanga.
2
Salibamba igongqongqo, inyoka endala, umtyholi, uSathana. Salikhonkxa iwaka leminyaka.
3
Salifaka enzonzobileni, sawuvala umnyango, sawutywina, sisenzela ukuba lingabe liphinde lilulahlekise uluntu kude kuphele iwaka leminyaka. Emva kwelo thuba igongqongqo limelwe kukukhululwa; phofu okwethutyana nje elingephi.
4
Emva koko ndabona izihlalo. Ndabona kuhlala kuzo abo babenikwe igunya lokugweba. Ndababona nâbo babenqunyulwe iintloko ngenxa yokuba ngamangqina kaYesu nangenxa yokushumayela ilizwi likaThixo. Ndababona nabo bangavumanga ukulinqula irhamncwa okanye umfanekiso walo, kwanabo bangavumanga ukuphawulwa kumabunzi okanye esandleni ngophawu lwerhamncwa. Bavuka ekufeni, balawula kunye noKrestu iminyaka eliwaka.
5
Luvuko lokuqala ke olu. Inxalenye yabafi yona ayizange ivuke kwade kwaphela iminyaka eliwaka.
6
Unoyolo engokaThixo lowo uluxhamleyo uvuko lokuqala. Ukufa kwesibini akunamandla kuye. Kaloku woba ngumbingeleli kaThixo nokaKrestu, axhamle ulawulo kunye noKrestu iminyaka eliwaka.
7
Iya kuthi ke yakuphela iminyaka eliwaka, akhululwe umtyholi enzonzobileni.
8
Ekhululekile ke uya kuzilahlekisa izizwe kumagumbi omane ehlabathi; ezo ke nguGogi noMagogi. Umtyholi uya kuziqokelela zibe zininzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, aye nazo emfazweni.
9
Nazo ke zicombuluka ehlabathini liphela, zirhawula impi yomkhosi wosapho lukaThixo, ndawonye neso sixeko asithandayo. Kuthe kusenjalo suka kwehla umlilo phezulu, wazithi lence-lence.
10
Okokwakhe umtyholi, umlahlekisi wazo, yena wathiwa dywa echibini lomlilo onesalfa, apho irhamncwa kunye *nomshumayeli oxokayo bebesebephoswe khona. Apho ke baya kungcungcutheka imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.
11
Ndaza ke ndabona isihlalo sokulawula esimhlophe, kukho ohleli kuso. Umhlaba namazulu ambaleka, awaba sabonakala.
12
Ndababona abafileyo, abakhulu kwanabanci, bemile phambi kwesihlalo sokulawula. Zavulwa iincwadi, kwaza kwavulwa nenye incwadi eneenkcukacha zobomi. Abo bafileyo bagwetywa ngokwengxelo yezenzo zabo eyayibhalwe kwezo ncwadi.
13
Ulwandle, ukufa, nelabafileyo labakhuphela ngaphandle abafileyo ababekulo. Umntu ngamnye wagwetywa ngokwezenzo zakhe.
14
Ukufa nelabafileyo kwaphoswa echibini elivuthayo. Eli chibi lomlilo ke kukufa kwesibini.
15
Wonke umntu ogama lingabhalwanga encwadini yeenkcukacha zobomi waphoswa echibini elivuthayo.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22