bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Corinthians 1
2 Corinthians 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
1
uPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, ndawonye nabo bonke abangcwele abakulo lonke elaseAkaya;
2
bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
3
Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu, uYise onenceba, uThixo wentuthuzelo yonke,
4
osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo.
5
Kaloku, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu.
6
Ukuba ke siyabandezelwa, oko kungenxa yentuthuzelo yenu nosindiso lona olusebenzayo, ukuze ninyamezele kwaezo ntlungu sizivayo nathi;
7
Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niyakuba ngawo nangentuthuzelo.
8
Kuba asithandi, bazalwana, ukuba ningayazi, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya: ukuba saxineka ngokuncamisileyo ngokomelela, ngokokude sibuncame kanye nobomi.
9
Ke kaloku besinesigwebo sokufa ngokwethu, ukuze singakholosi ngokwethu, sithembele kuThixo ovusa abafileyo;
10
owasihlangulayo ekufeni okungaka, ohlangulayo; esithembele ngaye ukuba usaya kusihlangula;
11
Nani nincedisana nani ngokusikhungela, ukuze isipho esingokubabalwa, esenzelwe sona thina ngabantu abaninzi, sibulelwe ngabaninzi ngenxa yethu.
12
Kuba oko kuqhayisa kwethu kukungqina kwesazela sethu, ukuba sithe ehlabathini apha, ngokukodwa ke kuni, sahlala singabangenakumbi, sinokungcwengeka okuvela kuThixo, singenabulumko bubobenyama, sinobabalo lukaThixo.
13
Kuba asinibhaleli zimbi izinto, ikwazezo nizilesayo, nizaziyo kakuhle; Ndiyathemba ke ukuba niya kuvuma kude kuse ekupheleni;
14
njengokuba nasaziyo kakuhle ngokuyinxenye, ukuba siliqhayiya lenu, kwanjengokuba nani nilelethu ngemini yeNkosi uYesu.
15
Ke kaloku ndinaloo nkoloseko ke, ndanqwenela ukunga ndingeza kuni kuqala, ukuze nibabalwe okwesibini;
16
ndize ndicande kuni ukuya kwelaseMakedoni, ndibuye, ndivela kwelaseMakedoni, ndize kuni, ndiphelekelelwe nini ukuya kwelakwaYuda.
17
Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum nje, ukuba ube nguewe, ewe; nohayi, hayi?
18
Ethembekile nje ke uThixo, ilizwi lethu kuni alibanga nguewe nohayi.
19
Kuba yena okaThixo uNyana, uYesu Kristu, owavakaliswayo phakathi kwenu sithi (ndim ke noSilvano noTimoti), akabanga nguewe nohayi; kuye nguewe kwakanye.
20
Kuye onke amadinga kaThixo anguewe, ukuye uAmen, ukuze kuzukiswe uThixo ngathi.
21
Osiqiniselayo ke ndawonye nani kuKristu, osithambisayo ke, nguThixo;
22
ositywine wasiqinisa, wasinika isinyaniso soMoya, saba sezintliziyweni zethu.
23
Ke mna ndibiza uThixo, ukuba abe lingqina emphefumlweni wam, ukuba kungokunivela, endithe ndaba andikezi eKorinte.
24
Anditsho ngakulugagamela ukholo lwenu; nditsho ngokuba singabasebenza nani uvuyo lwenu; kuba nimi ngokholo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13