bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Corinthians 8
2 Corinthians 8
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 9 →
1
Ke kaloku, bazalwana, siyanazisa ubabalo lukaThixo oluhlakaziweyo phakathi kwamabandla akwelaseMakedoni;
2
okokuba ekucikidweni kwawo okukhulu yimbandezelo, kuthe ukuphuphuma kovuyo lwawo, nobuhlwempu bawo obendeleyo, kwaphuphumela ekutyebiseni ukunyanisa kwawo.
3
Kuba ndiyangqina, ewe, nangaphezu kwamandla abo, bazinikela ngokuqhutywa yintliziyo;
4
besikhunga kakhulu, besikhunga, ukuba silwamkele ubabalo olo, nobudlelane ke obo bokulungiselela abangcwele.
5
Abakwenza njengoko sathemba ngako, basuka bazinikela eNkosini, nakuthi, ngokuthanda kukaThixo;
6
ngokokude simyale uTito, ukuba athi, njengokuba ebeqalile, alufezele kuni ngokunjalo nolo lubabalo.
7
Ke, kwanjengokuba niphuphuma iinto zonke, ukholo, nokuthetha, nokwazi, nokunyameka konke, nokusithanda kwenu, maniphuphume nakulo olu lubabalo.
8
Anditsho ngakwammiselo; ukutsho, ndenziwa kukunyameka kwabanye, ndicikida nenyaniso yolwenu uthando;
9
Kuba niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okokuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo.
10
Ngale ndawo ke ndinipha okwam ukubona; kuba oko kunilungele nina aba nayiqalayo kwanyakenye le nto; ananela kuyenza, nayithanda nokuyithanda.
11
Ngoko ke yifezekiseni le nto; ukuze, kwanjengokuba bekukho intumekelelo yokuthanda, kwangokunjalo kubekho nokuyifeza ngeninako.
12
Kuba intumekelelo, ukuba selikho, yamkeleka kakuhle ngokoko asukuba enako umntu, kungabi ngokoko angenako.
13
Kuba andithi mabaphumle abanye abantu, nibandezeleke nina;
14
ukuze kubekho ukulingana ngexesha lakalokunje, ukuphuphuma kwenu makufikelele ekusileleni kwabo, ukuze nokuphuphuma kwabo kufikelele ekusileleni kwenu;
15
njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Lowo wabutha kakhulu akabanga nakusalelayo; nowayebutha kancinane akabanga nakusilela.
16
Makubulelwe ke kuThixo, ongenise kwaoko kuninyamekela entliziyweni kaTito.
17
Ngokuba wasamkela okunene isiyalo; ke uthe, enyamekile, uthe ngokuqhutywa yintliziyo, waya kuni.
18
Sathuma ke kunye naye umzalwana odume phakathi kwawo onke amabandla, ngokuvakalisa iindaba ezilungileyo.
19
Asiyikuphela ke loo nto; wanyulwa nokunyulwa ngawo amabandla, ukuba abe ngohamba nathi ngolu lubabalo silulungiselelweyo sithi, ekuzukiseni kwayo iNkosi, nasekubonakalaliseni nina ngokwentumekelelo yenu;
20
silumkele oku, ukuze kungabikho bani usigxekayo kobu bu butyebi bulungiselelwa sithi;
21
Silungiselela izinto ezilungileyo, kungekuphela nje emehlweni eNkosi, kodwa nasemehlweni abantu.
22
Sithume ke kunye nabo umzalwana wethu, esimcikide futhi ngeendawo ezininzi, samfumana ekhuthele;
23
Nokuba kuthethwa ntoni ngoTito, yazini ukuba ulidlelane nam, nomsebenzisi wam kuni; nokuba kuthethwa ngabazalwana bethu, yazini ukuba bangabathunywa bamabandla kaThixo, baluzuko lukaKristu.
24
Lo mbonakalaliso ngoko wothando lwenu, nowokuzingca kwethu ngani, wubonakalaliseni kubo, naphambi kwamabandla.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13