bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Corinthians 2
2 Corinthians 2
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 3 →
1
Mna ke okwam, ndagqiba kweli lokuba ndingabuyi ndize kuni ndibuhlungu.
2
Kuba mna ukuba ndinenza buhlungu, kusekho bani na ke ondenza ndibe nemihlali, ongenguye lowo wenziwe wabuhlungu kwandim?
3
Ndanibhalela ke oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuvuya ngabo; ndikholose ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke.
4
Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo.
5
Ke ukuba ubani wenze kwabuhlungu, akenze kwabuhlungu mna, wenze ngenxenye nina nonke;
6
Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwabaninzi;
7
Ngoko ke senithi kanye senimxolela, nimthuthuzele, hleze lowo unjalo aselesuka edliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo.
8
Kungoko ndiyaniyala ukuba niluqinisekise uthando lwenu kuye.
9
Kuba ndabhalela kona oku, ukuze ndikwazi ukucikideka kwenu, ukuba ningábevayo na ezintweni zonke.
10
Enimxolelayo ke into, ndiyamxolela nam;
11
hleze asidleke uSathana, kuba amaqhinga akhe siyawazi.
12
Ke kaloku, ndakuba ndifikile eTrowa, ndishumayela iindaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndivulelwe nomnyango weNkosi;
13
Andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndemka ndaya kwelaseMakedoni.
14
Makubulelwe ke kuThixo, ohlala esiphuphuma uqhayiso ngoKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke.
15
Kuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo.
16
Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye ilivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto?
17
Kaloku asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13