bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Corinthians 5
2 Corinthians 5
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 6 →
1
Siyazi ke ukuba xa ithe yachithwa indlu yethu esemhlabeni, engulo mnquba, sinesakhiwo esiphuma kuThixo, yona emazulwini, yona engenakwenziwa ngazandla, engunaphakade.
2
Kuba kulo siyancwina, silangazelela ukwambatha, saleke indlu yethu yasemazulwini;
3
ukuba siya kufunyanwa sambethe okunene, singeze.
4
Kuba kwathina aba bakulo mnquba siyancwina sisindwa, kungengakuba sithanda ukuhlutywa;
5
Ke kaloku lo usisebenzele kwaloo nto nguThixo, osinike nokusinika isinyaniso sakhe uMoya.
6
Ngoko ke sihlala somelele, sisazi ukuba, sikowethu nje emzimbeni, sikude kowethu eNkosini.
7
(Kuba sihamba ngokholo, asihambi ngokubona;)
8
Singaxhalaba, ndithi ke, síthanda kanye ukuba kude nenyama yethu, siye kuhlala neNkosi.
9
Kungoko sizondelela ukuthi, nokuba sisekhaya, nokuba sikude nekhaya, sibe ngabakholekileyo kuyo.
10
Kuba sonke simele sibonakale phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu; ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi.
11
Sikwazi njalo ke ukoyikeka kweNkosi, sizamela ukuba beyiseke abantu; sibonakalalisiwe ke kuThixo; ndiyathemba ke ukuba nakuzo izazela zenu sibonakalalisiwe.
12
Kuba asibuyi siziyaleze kuni;
13
Kuba, nokuba siyageza, kungenxa kaThixo; nokuba sinengqondo ephilileyo, kungenxa yenu.
14
Kaloku uthando lukaKristu lusifingile nje; Kuba sigqiba kwelithi, omnye ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo;
15
wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.
16
Ngoko ke thina sisusela kweli xesha, asisazi namnye ngokwenyama; nokuba ke besimazi uKristu ngokwenyama, kungoku asisamazi ngokwenyama.
17
Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; yabonani, zisuke zaba ntsha izinto zonke.
18
Zonke izinto ke ziphuma kuThixo, owasixolelanisa naye ngokwakhe ngoYesu Kristu, wasinika ulungiselelo loxolelaniso;
19
Oko ke, uThixo waye ekuKristu, elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engazibaleli kubo iziphoso zabo; yaye uphathise kuthi ilizwi loxolelaniso.
20
Sizizigidimi ke ngoko ngenxa kaKristu, ngokungathi uThixo uniyala ngathi; siyanikhunga ngenxa kaKristu, manixolelaniswe naye uThixo;
21
kuba lowo ungazani nasono, wamenza isono ngenxa yethu; ukuze thina sibe bubulungisa bukaThixo kuye.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13