bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Corinthians 10
2 Corinthians 10
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 11 →
1
Ke kaloku, ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe phakathi kwenu, ndakuba ndingekho ndiba nobuganga ngakuni;
2
Ndiyakhunga ke, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndiba ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama;
3
Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama;
4
(Kuba izixhobo zethu zemfazwe ayizizo ezenyama, kodwa ngaye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;)
5
siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sizithimbela ekumlulameleni uKristu;
6
sikulungele ukuphindezela konke ukungathobeli, kwakufika ukululama kwenu.
7
Izinto nizikhangela ngokwembonakalo yangaphandle na? Ukuba umntu ukholose ngokuthi ungokaKristu, makabuye acinge oku ngokwakhe, ukuba njengokuba engokaKristu yena, ngokunjalo singabakaKristu thina.
8
Kuba, naxa bendingathi ndigqithisele ukuqhayisa ngalo igunya lethu, esalinikwayo yiNkosi ukuba sinakhe, singanichithi, bendingedaniyo;
9
ukuze ndingangi ndifuna ukunoyikisa ngazo iincwadi ezi;
10
Kuba kuthiwa, iincwadi zakhe zinzima, zinamandla; kodwa ubukho bakhe ngenyama bubuthathaka, nokuthetha kwakhe akunto yanto.
11
Onjalo ke makacinge le nto: njengoko sithetha ngako ngeencwadi, sakuba singekho, sikwanjalo ngawo umsebenzi, sakuba sikho.
12
Kuba asinabuganga bakuzibalela nakuzifanisa nabo abathile abaziyalezayo;
13
Ke thina asisayi kuqhayisa sigqithise emlinganiselweni; soqhayisa ngokomlingani selo womda esiwabelwe nguThixo, ukuba ube ngumlinganiselo oya kufikelela nakuni.
14
Kuba asizoluli ngokugqithiseleyo, ngathi asifikanga kuni;
15
Singaqhayisi sigqithise emlinganiselweni ngokubulaleka kwethu abanye; ke sinethemba, lwakukhula ukholo lwenu, siya kwenziwa bakhulu phakathi kwenu ngokomda wethu, ngokugqithiseleyo;
16
side sizishumayele iindaba ezilungileyo ezindaweni ezingaphaya kwenu; singaqhayisi ngesilinganiselo somnye, ngezinto ke esezilungisiwe.
17
Oqhayisayo ke makaqhayise ngeNkosi.
18
Kaloku oyena ucikidekileyo asingoziyalezayo, ngoyalezwa yiNkosi.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13