bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Corinthians 12
2 Corinthians 12
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 13 →
1
Ukuqhayisa okunene akundilungele; Ndiya kuza kwimibono nezityhilelo zeNkosi.
2
Ndazi umntu okuKristu, ekusekuyiminyaka elishumi elinamine (enoba ubesemzimbeni na andazi, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo), ethe lowo waxwilwa, wada wasiwa nakwelesithathu izulu.
3
Ndamazi ke umntu onjalo (nokuba ubesemzimbeni na, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo);
4
okokuba waxwilwa wasiwa eParadisi, weva amazwi angenakuthethwa, ekungavumelekileyo ukuba umntu awathethe.
5
Onjalo ke ndiya kuqhayisa ngaye, kodwa andiyi kuqhayisa ngokwam nganto ikum; ingaba kungokuswela kwam amandla kodwa.
6
Kuba xa bendingathi ndithande ukuqhayisa, bendingayi kuba ndiswele ukuqonda, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso; kuba ndiya kuthetha inyaniso; kodwa ndiyayeka, ukuze kungabikho bani ucinga ngam ngaphezu koko abona ndikuko, athi mhlawumbi akuve kum.
7
Kwathi, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu ngenxa yezityhilelo eziyincamisa, ndanikwa uviko enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuze sindintlithe, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu.
8
Ndayibongoza kathathu iNkosi ngaso isithunywa eso, ukuba sisuke kum.
9
Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla. Ngoko ke sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu.
10
Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.
11
Ndisuke ndaba sisidenge ngokuqhayisa; Nindinyanzelile nina; kuba mna ndibe ndifanele ukuyalezwa nini; kuba andisilelanga nganto kwabona bapostile baziincamisa, nakuba ndingento yanto.
12
Imiqondiso yokuba ngumpostile, inene, yasetyenzwa phakathi kwenu ngokunyamezela konke, ngemiqondiso, nezimanga, nemisebenzi yamandla.
13
Kaloku yintoni na enasilela ngayo kwamanye amabandla kaThixo, ingekukuba mna ngokwam ndingabanga mthwalo kuni? ndixoleleni ngobugwenxa bam.
14
Yabonani, sendilungele ukuza kuni okwesithathu; ndaye ndingayi kuba mthwalo kuni; kuba andifuni zinto zenu, ndifuna nina; kuba asingabantwana abafanele ukuqwebela abazali, ngabazali abafanele ukuqwebela abantwana.
15
Mna ke, kuya kuba mnandi kakhulu ukuba ndichithe, ndidleke kuphele, ngenxa yemiphefumlo yenu; nakuba okukhona ndinithanda kakhulu, kokukhona ndithandwa kancinane.
16
Kungade kube kunjalo, mna kambe andibanga mthwalo kuni; mandibe, ndinobuqhetseba nje, ndisuke ndanibambisa ngenkohliso.
17
Kukho mntu na ke kwabo ndabathumayo kuni, endanidlayo ngaye?
18
Ndamyala uTito, ndathuma umzalwana lowo kunye naye. Wanidla na ke uTito? asihambanga ngamoya mnye na? Asihambanga ngamanyathelo mnye na?
19
Niyawaseniba siyaziphendulela kusini na kuni? sithetha phambi kukaThixo, sikuKristu; sisuke senze izinto zonke, zintanda, ngenxa yokwakheka kwenu.
20
Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningenjengendikuthandayo, ndifunyanwe kuni ndingenjengenikuthandayo; hleze kubekho iimbambaniso, amakhwele, imisindo, amayelelwano, intlebendwane, iintsebenzo, ukudumba, iziphithiphithi:
21
hleze ndithi, ndakuba ndifikile, andithobe uThixo wam phakathi kwenu, ndize ndikhedame ngenxa yabaninzi asebebonile, abaguquka ekungcoleni, nasembulweni, naseburheletyweni ababenzayo.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13