bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Hebrews 11
Hebrews 11
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 12 →
1
Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo.
2
Kuba amanyange angqinelwa ngokuba nalo.
3
Ngokholo siyaqonda ukuba indalo le yonke yenziwe yabakho ngelizwi likaThixo, ukuze izinto ezi zibonwayo zibe aziphume kwezibonakalayo.
4
Ngokholo uAbheli wasondeza kuye uThixo umbingelelo ogqithileyo kunokaKayin, awangqinelwa ngawo ukuba ulilungisa, uThixo wayingqinelayo nje iminikelo yakhe; ngalo ke, efile nje, usathetha.
5
Ngokholo uEnoki wafuduselwa emazulwini ukuba angaboni kufa; akaba nakufunyanwa ke, ngenxa enokuba uThixo wamfudusayo; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe, wangqinelwa ukuba umkholise kakuhle uThixo.
6
Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.
7
Ngokholo uNowa, ehlatyelwe nguThixo ngazo izinto ebezingekabonwa, wathi ngokoyika uThixo wawakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe, athe ngalo waligweba ihlabathi, waba yindlalifa yobulungisa obungokokholo.
8
Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, Wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma engazi apho aya khona.
9
Ngokholo waba ngumphambukeli emhlabeni wedinga, wanga ukowasemzini, ehleli eminqubeni, ndawonye noIsake noYakobi, beziindlalifa zalo elo dinga kunye naye.
10
Kuba wayewulindele umzi lo uneziseko, ungcibi, umbangi wawo, inguThixo.
11
Ngokholo noSara ngokwakhe wamkela amandla okumisa umzi, waza wazala, liseligqithile ixesha lokuba amithe, ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wabekayo ngedinga.
12
Kungoko kwazalwayo nangomnye, engofileyo ke lowo, into engangeenkwenkwezi zezulu ukuba yintabalala, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, engenakubalwa.
13
Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga; besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhlabeni.
14
Kuba abo bathetha izinto ezinjalo, babonakalalisa ukuba bangxamele ikowabo.
15
Ke, ukuba okunene babekhumbula elo babephuma kulo, ngebaba nethuba lokubuyela kulo.
16
Kodwa ngoku bazolulela kwelona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini. Kungoko uThixo angenazintloni ngabo, ukuba kuthiwe unguThixo wabo, kuba ebalungisele umzi.
17
Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake, ekuvavanyweni kwakhe;
18
Kwakusithiwa ngaye, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake;
19
ekubalele ngokuba uThixo unako ukuvusa nakwabafileyo; apho athe wamthabatha khona ngokomfanekiso.
20
Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho.
21
Ngokholo uYakobi wabasikelela bobabini oonyana bakaYosefu, xa aqhawukayo; waqubuda esimelele ngentonga yakhe.
22
Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli; Wawisa umthetho ngawo amathambo akhe.
23
Ngokholo uMoses uthe akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle; abawoyika umthetho wokumkani.
24
Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro;
25
enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle isono okomzuzwana;
26
ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo.
27
Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.
28
Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi.
29
Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu, kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa.
30
Ngokholo zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iintsuku zasixhenxe.
31
Ngokholo uRahabhi ihenyukazi akatshabalalanga nabo bangevayo, akuba ezamkele ngoxolo iintlola.
32
Ndisathetha ntoni na? Kuba ndingaphelelwa lixesha ndibalisa ngoGidiyon, kwanoBharaki, noSamson, noYifeta; ekaDavide, noSamuweli, neyabaprofeti;
33
abathe ngokholo beyisa izikumkani, basebenza ubulungisa, bazuza amadinga, bavingca imilomo yeengonyama;
34
bacima amandla omlilo, basinda kwiintlangothi zekrele, bomelela ekubeni bebeswele amandla, baba ngamagorha emfazweni, bagxotha imikhosi yabasemzini.
35
Abafazi babazuza abafileyo babo bevukile; abanye ke batyakatywa, bengalwamkelanga ukhululo; ukuze bazuze uvuko olulungileyo;
36
Bambi ke benziwa intlekisa, batyakatywa; phezu koko ke baviswa imixokelelwane nentolongo;
37
baxulutywa ngamatye, basarhwa kubini, bahendwa; babulawa ngekrele; beswele, bebandezelwa, bengcungcuthekiswa;
38
(elalingabafanelanga ihlabathi), bedinga koozintlango, noozintaba, noomiqolomba, nakwimiqolomba yomhlaba.
39
Aba ke bonke, ngenxa yokuba bangqinelwe ngokholo, abalamkelanga idinga;
40
uThixo esazalelele thina ngeyona nto ilungileyo, ukuze bangenziwa bagqibelele ngaphandle kwethu.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13