bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Hebrews 4
Hebrews 4
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 5 →
1
Masoyike ngoko ke, hleze kuthi, xa lithe lalisakho idinga lokungena ekuphumleni kwakhe, kubekho namnye kuni ongathi usilele kulo.
2
Kuba sizishunyayeziwe iindaba ezilungileyo kwanjengabo; kodwa lona ilizwi lodaba lingadibananga nje nokholo kwabo balivayo, alabanceda nto.
3
Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe, Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam! nakubeni imisebenzi yenziwayo kwasekusekweni kwehlabathi.
4
Kuba wakha wathetha ngawo umhla wesixhenxe, ukuthi, Waza waphumla uThixo ngomhla wesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe.
5
Athi kule ndawo, Ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam.
6
Njengokuba ke kusasele abathile ukuba bangene kuwo, bathi ke abo, kwashunyayelwa iindaba ezilungileyo kuqala kubo, bangangenanga ngenxa yokungakholwa.
7
Ubuya amise mini ithile, esithi ngoDavide, Namhlanje, emveni kwexesha elingakanana; njengokuba kuthiwe, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.
8
Kuba uYesu, ukuba ubebaphumzile, ange engabuyanga athethe ngawo omnye umhla.
9
Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.
10
Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe.
11
Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva.
12
Kuba ilizwi likaThixo liphilile, linamandla, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.
13
Kananjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; zonke izinto ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.
14
Ngoko, sinombingeleli omkhulu nje ocande emazulwini, uYesu ke, uNyana kaThixo, masilubambe uvumo lwethu.
15
Kaloku asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, ulingwa ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono.
16
Masisondele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13