bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Hebrews 2
Hebrews 2
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 3 →
1
Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo.
2
Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo;
3
Sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana? eyathi ekuqaleni ukuthethwa yiyo iNkosi, yaza yaqiniselwa kuthi ngabo bayivayo;
4
Naye uThixo engqina ngabo ngemiqondiso, kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe?
5
Kaloku akalithobelanga phantsi kwezithunywa zezulu elimiweyo eliza kubakho, eli sithetha ngalo.
6
Ke, wakha wangqina ubani, esithi, Uyintoni na umntu, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?
7
Umsilelise kancinane kunezithunywa zezulu; Wamthwesa uzuko nembeko, Wammisa phezu kwemisebenzi yezandla zakho.
8
Zonke izinto wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Kuba ekubeni wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, akashiyanga nto ingathotyelwanga phantsi kwakhe. Kungokunje asikaziboni zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto.
9
Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa, ethweswe uzuko nembeko; ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke.
10
Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezise oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo.
11
Kuba lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; kungoko angenazintloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana;
12
Esithi, Ndiya kulazisa igama lakho kubo abazalwana bam, Ndivume kuwe indumiso phakathi kwebandla.
13
Abuye athi, Ndiya kukholosa ngaye. Abuye athi, Yabona, mna nabantwana andinike bona uThixo.
14
Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo;
15
abakhulule ebukhobokeni bonke abo babethe ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi bazizisulu zokoyika ukufa.
16
Kuba ndithi, akathabatheli kuye zithunywa; wathabathela kuye imbewu ka-Abraham.
17
Ngoko ke wafanelwa kukuba afane nabazalwana bakhe ngezinto zonke, ukuze abe ngonenceba, kwanombingeleli othembekileyo omkhulu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze azicamagushele izono zabantu.
18
Kuba ekubeni eve ubunzima, ehendwa naye ngokwakhe, unako ukubasiza abahendwayo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13