bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Hebrews 3
Hebrews 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 4 →
1
Ngoko ke, bazalwana bangcwele, mabelana ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu;
2
ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela.
3
Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu.
4
Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.
5
Ke yena uMosis wayethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa.
6
Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba sithe sakubamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.
7
Ngoko ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele, ukuthi, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,
8
Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni, ngomhla wokuhendwa entlango;
9
Oko bandilingayo ooyihlo, bandilinga, Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mane.
10
Kungoko ndaba buhlungu ngenxa yeso sizukulwana, ndathi, Bahlala belahleka ezintliziyweni zabo; abazazi iindlela zam.
11
Ngoko ndafunga ndinomsindo, ndathi, Abayi kungena ekuphumleni kwam.
12
Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;
13
manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla; ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.
14
Kaloku siba ngamabelana ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni;
15
ekubeni kusithiwa, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.
16
Kuba abathile, bevile, bacaphukisa, phofu ingengabo bonke abo baphumayo eYiputa ngoMoses.
17
Ngoobani ke owakruquka ngabo iminyaka emashumi mane? Yayingengabo na abo bonayo, bazidumbu zawayo entlango?
18
Wafungela oobani na ke, ukuba abayi kungena ekuphumleni kwakhe, ingengabo abo bangevanga?
19
Siyabona ke, ukuba babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13