bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Hebrews 9
Hebrews 9
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 10 →
1
Ke ngoko nowokuqala umnqophiso wawunezimiselo zombuso, kwanendawo engcwele yehlabathi.
2
Kuba kwakhiwa umnquba lowo, elokuqala lalinesiphatho sezibane, kwanetafile, nesiboniso sezonka; ebizwa ngokuba yingcwele.
3
Ngemva kwekhuselo lesibini kwabakho nomnquba ekuthiwa yingcwele kangcwele;
4
Yayinesitya segolide sokuqhumisela, nayo ityeya yomnqophiso, yalekwe ngegolide ngeenxa zonke, inesitya segolide ngaphakathi esinemana, inentonga ka-Aron eyadubulayo, inawo amacwecwe omnqophiso.
5
Ke ngaphezu kwayo kwema iikerubhi zobuqaqawuli, zisibekele isicamagushelo; esingenakuthetha ngakumbi ngayo ngoku.
6
Ke kaloku, zakubon’ ukuba zenziwe ngokunjalo ezo zinto, ababingeleli bangena okunene amaxa onke kowokuqala umnquba, beyifeza imisebenzi kaThixo.
7
Ke kowesibini kungena kube kanye ngomnyaka umbingeleli omkhulu yedwa, kungengagazi, alisondezayo ngenxa yakhe, nangenxa yeziphoso zabantu.
8
uMoya oyiNgcwele eqondisa ke, ukuba indlela eya kweyona ngcwele ingekabonakali ke, umnquba wokuqala umi.
9
Lowo ube ngumfuziselo wexesha elililo, ekuthi ngalo kusondezwe iminikelo kwanamadini, izinto ezo ezingenako ukumenza agqibelele lowo ukhonzayo, ngokwesazela;
10
ezithe, ndawonye nezinto ezidliwayo, neziselwayo, neentlambululo ngeentlambululo, ezizizimiselo zenyama kuphela, zamiselwa ukuba kude kufike ixesha lolungiso.
11
Kodwa uKristu, ethe weza, engumbingeleli omkhulu wezinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongekuko oku kwakhiwa;
12
wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengagazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wasizuzela inkululeko engunaphakade ngokusihlawulela.
13
Kuba, xa igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa oyinqambi, lungcwalisela ekuhlambululeni inyama;
14
Lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo?
15
Ngoko ke ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon’, ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade.
16
Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo.
17
Kaloku umnqophiso uqiniseka bakuba befile, okanye awuba namandla xenikweni asadla ubomi umyoleli.
18
Ngoko ke nowokuqala umnqophiso awusungulwanga ngaphandle kwegazi.
19
Kuba kuthe, akuwuthetha uMoses umthetho wonke ngokomthetho ebantwini bonke, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope, wayifefa incwadi, kwanabantu bonke;
20
esithi, Eli ligazi lomnqophiso aniwisele umthetho ngawo uThixo.
21
Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso, wazifefa ngegazi.
22
Kananjalo ngokomthetho ndingade ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho kuxolelwa.
23
Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjululwe ngezinto ezinjalo; zona zona ezo zinto zasemazulwini, zinamadini alungileyo kunalawo.
24
Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.
25
Kwakungekho ukuze azinikele futhi, njengokuba umbingeleli omkhulu ebengena kweyona ngcwele iminyaka ngeminyaka, enegazi lenye into;
26
Ange ebemelwe kukuba ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini.
27
Kwanjengokuba ke abantu bamiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo;
28
ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi; uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13