bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Hebrews 8
Hebrews 8
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 9 →
1
Ke kaloku, eyona nto ibalulekileyo kwezi zinto sizithethileyo: Sinombingeleli omkhulu onje, othe wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini;
2
umlungiseleli wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo nguYehova, awamiswa ngumntu.
3
Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo.
4
Kuba, ukuba ubelapha emhlabeni, ubengayi kuba ngumbingeleli, ekubeni kukho ababingeleli abanikela izipho ngokomthetho:
5
bona bakhonza umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzenze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.
6
Kodwa kungoku, uzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo.
7
Kuba, ukuba ubungenakusoleka lowo wokuqala, ubungayi kufunelwa ndawo owesibini.
8
Kuba uthi, esola, Yabona, kuza imihla, itsho iNkosi, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli, nendlu kaYuda;
9
Ungahambi ngokomnqophiso endawenzela ooyise, mini ndababamba ngesandla, ndibakhupha ezweni laseYiputa; ngenxa enokuba bengahlalanga emnqophisweni wam, nam andabakhathalela; utsho uYehova.
10
Nguwo lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova; ndiya kuyibeka imithetho yam engqondweni yabo, ndiyibhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam;
11
Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi; ngokuba baya kundazi bonke, bethabathela komncinane base komkhulu.
12
Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo, Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula.
13
Ngokuthi, Umnqophiso omtsha, uwaluphalisile owokuqala. Ke into ebolileyo, yasihasha, seyikufuphi ukuba ithi shwaka.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13