bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Hebrews 6
Hebrews 6
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 7 →
1
Ngoko ke masithi, siyeka elengqalo ilizwi elithetha ngoKristu, siqhubele kwelokukhula; singabuyi sibeke isiseko senguquko emisebenzini efileyo, nokukholwa kuThixo;
2
yemfundiso yeembhaptizo, neyokubekwa izandla, neyovuko lwabafileyo, neyomgwebo ongunaphakade.
3
Oko ke sokwenza, ukuba angaba uthe uThixo wavuma.
4
Kuba akunakwenzeka ukuba abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasezulwini, baba nesabelo kuMoya oyiNgcwele;
5
Baliva ilizwi elilungileyo likaThixo, kwanamandla ehlabathi elizayo;
6
ukuba bathe bakreqa, ukuze babuye bahlaziyeke enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni.
7
Kuba umhlaba lo, uyiselayo imvula eza futhi phezu kwawo, uvelise imifuno elungele bona abo ulinywa nokulinywa kubo, wamkela intsikelelo kuThixo.
8
Ke wona, othi uvelise imithana enameva neenkunzane, awunto yanto, ukufuphi nengqalekiso; okuphela kwawo kukutshiswa.
9
Ke ngani nina, zintanda, sikholose ngelokuthi, nineendawo ezilungileyo kunezo, iindawo eziyelelene nosindiso, nakuba sisenjenje ukuthetha;
10
Kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiselelayo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela.
11
Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni;
12
Kodwa ke nibe ngabaxelisa abo bathi ngokholo nangomonde bawadla ilifa amadinga.
13
Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena;
14
Esithi, Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise.
15
Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga.
16
Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, sithi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni.
17
Uthe ngoko uThixo, athe wathi, ethanda kakhulu ukukubonakalalisa kwiindlalifa zedinga ukungaguquleki kwecebo lakhe, wasuka wakwenza ngesifungo;
18
ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi, thina basindileyo, sabamba ithemba elibekwe phambi kwethu, sibe nentuthuzelo eqinileyo;
19
Ithemba ke esinalo ngokweankile yomphefumlo, linqabile, likwaqinile, lingena liye ngaphaya kwesikhuselo;
20
apho umanduleli wangena khona ngenxa yethu, uYesu, ethe ngokohlobo lukaMelkitsedeke, waba ngumbingeleli omkhulu ongunaphakade.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13