bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Genesis 25
Genesis 25
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 26 →
1
Wabuya uAbraham wazeka umfazi; igama lakhe lalinguKetura.
2
Wamzalela uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshibhaki, noShuwa.
3
UYokeshan wazala uShebha noDedan; oonyana bakaDedan bebengama-Asiriya, namaLetushi, namaLehum.
4
Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.
5
UAbraham wazinika uIsake zonke izinto abenazo.
6
Ke oonyana bamashweshwe, abenawo uAbraham, wabanika izipho uAbraham; wabandulula, bemka kuIsake unyana wakhe, esekho, basinga empumalanga, ezweni lasempumalanga.
7
Yiyo le imihla yeminyaka yokudla ubomi kuka-Abraham awayidlayo; yiminyaka elikhulu elinamanci asixhenxe aneminyaka emihlanu.
8
UAbraham waphuma umphefumlo, wafa, eyingwevu enkulu, aluphele, ephele ebudaleni; wahlanganiselwa kwabakowabo.
9
OoIsake noIshmayeli, oonyana bakhe, bamngcwaba emqolombeni waseMakapela, entsimini kaEfron unyana kaTsohare, umHeti, phambi kowakwaMamre,
10
entsimini leyo wayithengayo uAbraham kooyana bakaHeti.Ungcwatyelwe khona uAbraham, noSara umkakhe.
11
Kwathi, emveni kokufa kuka-Abraham, uThixo wamsikelela uIsake unyana wakhe; uIsake wahlala ngasequleni likaPhila-ebonile.
12
Yiyo le ke inzala kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, awathi uHagare umYiputazana, umkhonzazana kaSara, wamzalela uAbraham.
13
Ngawo la amagama oonyana bakaIshmayeli, ngamagama abo ngokwenzala yabo: owamazibulo kaIshmayeli nguNebhayoti, noKedare, noAdebhele, noMibhesam,
14
noMishma, noDuma, noMasa;
15
uHadade, noTema, noYeture, noNafishi, noKedema.
16
Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli, ngawo lawo amagama abo ngemizi yabo, nangeengqili zabo, izikulu ezilishumi elinazibini ngokwezizwe zazo.
17
Yiyo le iminyaka yokudla ubomi kukaIshmayeli: iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, aneminyaka esixhenxe. Waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo.
18
Bema bethabathela eHavila besa eShure, phambi kweYiputa, ukusinga kwelakwa-Asiriya. Wazihlalisa ebusweni babo bonke abazalwana bakhe.
19
Yiyo le ke inzala kaIsake, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake.
20
UIsake waye eminyaka ingamashumi omane ezelwe, ukuzeka kwakhe uRebheka, intombi kaBhetuweli, umAram wasePadan-aram, udade boLabhan umAram, ukuba abe ngumkakhe.
21
Wathandaza uIsake kuYehova mayela nomkakhe, ngokuba ebengazali. Wathandazeka uYehova, wamitha uRebheka umkakhe.
22
Batyahalana abantwana embilini wakhe, wathi, Ukuba unjalo, yini na ukuba ndibe nje? Waya kubuza kuYehova.
23
Wathi uYehova kuye, Zimbini iintlanga esizalweni sakho;Kuya kwahluka zizwe zibini esiswini sakho, Esinye somelele ngaphezu kwesinye; Omkhulu uya kukhonza omnci.
24
Yazaliseka ke imihla yakhe yokuzala, nanko, ingamawele esizalweni sakhe.
25
Laphuma elokuqala lingqombela, lonke liphela njengengubo exhonti; balithiya igama elinguEsawu.
26
Emveni koko kwaphuma umninawa walo, isandla sakhe sibambe isithende sikaEsawu, wamthiya igama elinguYakobi. UIsake wayeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukuzalwa kwabo.
27
Akhula ke amakhwenkwe; uEsawu waba lizingela, indoda yasendle; uYakobi waba yindoda egqibeleleyo, ihleli ezintenteni.
28
UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.
29
UYakobi wayepheke ukudla; wafika uEsawu evela ezindle, etyhafile.
30
Wathi uEsawu kuYakobi, Khawundiphe ndiginye kwinto engqombela, loo nto ingqombela, kuba ndityhafile; ngenxa yoko kwathiwa igama lakhe nguEdom.
31
Wathi uYakobi, Thengisa namhlanje ngobuzibulo bakho kum.
32
Wathi uEsawu, Yabona, ndiza kufa; buyintoni na kum ubuzibulo?
33
Wathi uYakobi, Ndifungele namhlanje. Wamfungela;wathengisa ke ngobuzibulo bakhe kuYakobi.
34
UYakobi wamnika uEsawu isonka neentlumayo eziphekiweyo;wadla, wasela, wesuka wemka; wabudela ke uEsawu ubuzibulo bakhe.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50